|
| 1 |
|
| Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu, ngokokude aye kungena emkhombeni, ahlale elwandle yena; sabe sonke isihlwele sisemhlabeni, sibheke elwandle apho. |
|
| 2 |
|
| Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso. Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe, |
|
| 3 |
|
| Phulaphulani; yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela; |
|
| 4 |
|
| kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba. |
|
| 5 |
|
| Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi;yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba; |
|
| 6 |
|
| ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela. |
|
| 7 |
|
| Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo. |
|
| 8 |
|
| Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye. |
|
| 9 |
|
| Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve. |
|
| 10 |
|
| Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo. |
|
| 11 |
|
| Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso; |
|
| 12 |
|
| ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo. |
|
| 13 |
|
| Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nothini na ke ukuyazi imizekeliso yonke? |
|
| 14 |
|
| Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. |
|
| 15 |
|
| Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. |
|
| 16 |
|
| Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; |
|
| 17 |
|
| babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko. |
|
| 18 |
|
| Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi; |
|
| 19 |
|
| aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingene ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. |
|
| 20 |
|
| Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu. |
|
| 21 |
|
| Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo?Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso? |
|
| 22 |
|
| Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa;kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingafihlelwa ukuba ize ekuhleni. |
|
| 23 |
|
| Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve. |
|
| 24 |
|
| Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo. |
|
| 25 |
|
| Kuba osukuba enako uya kunikwa, nongenako uya kuhluthwa kwanoko anako. |
|
| 26 |
|
| Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; |
|
| 27 |
|
| aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. |
|
| 28 |
|
| Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; |
|
| 29 |
|
| athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna. |
|
| 30 |
|
| Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na? |
|
| 31 |
|
| Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; |
|
| 32 |
|
| luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo. |
|
| 33 |
|
| Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. |
|
| 34 |
|
| Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe. |
|
| 35 |
|
| Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya. |
|
| 36 |
|
| Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo;kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye. |
|
| 37 |
|
| Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. |
|
| 38 |
|
| Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? |
|
| 39 |
|
| Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. |
|
| 40 |
|
| Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala?Kutheni na, le nto ningenalukholo? |
|
| 41 |
|
| Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle? |
|
|
|
|