|
| 1 |
|
| Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo. |
|
| 2 |
|
| Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubon ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya. |
|
| 3 |
|
| Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi. |
|
| 4 |
|
| Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe; |
|
| 5 |
|
| esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe. |
|
| 6 |
|
| Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale. |
|
| 7 |
|
| Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babengenandawo endlwini yabahambi. |
|
| 8 |
|
| Kwaye kukho abalusi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. |
|
| 9 |
|
| Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu. |
|
| 10 |
|
| Isithunywa eso sathi kubo, Musani ukoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu; |
|
| 11 |
|
| ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu iNkosi. |
|
| 12 |
|
| Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali. |
|
| 13 |
|
| Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi, |
|
| 14 |
|
| Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini. |
|
| 15 |
|
| Kwathi ke, zakumka kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi. |
|
| 16 |
|
| Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali. |
|
| 17 |
|
| Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana. |
|
| 18 |
|
| Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. |
|
| 19 |
|
| Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe. |
|
| 20 |
|
| Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo. |
|
| 21 |
|
| Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku ezisibhozo zokuba umntwana aluswe, wathiywa igama elinguYesu, elo wabelithiyiwe sisithunywa sezulu, engekamithwa nokumithwa. |
|
| 22 |
|
| Xeshikweni ke zazizalisekile iintsuku zokuhlanjululwa kwabo ngokomthetho kaMoses, benyuka naye baya eYerusalem, ukuba bammise phambi kweNkosi, |
|
| 23 |
|
| njengoko kubhaliweyo emthethweni weNkosi, kwathiwa, Yonke into eliduna, evula isizalo, ize kuthiwe ingcwele eNkosini; |
|
| 24 |
|
| nokuba benze idini njengoko kutshiwoyo emthethweni weNkosi ukuthi, Isibini samahobe, nokuba ngamagobo amabini amavukuthu. |
|
| 25 |
|
| Kwaye ke kukho umntu eYerusalem, ogama linguSimon; waye loo mntu elilungisa, emoyika uThixo, elinde intuthuzelo kaSirayeli;waye noMoya oyiNgcwele ephezu kwakhe. |
|
| 26 |
|
| Wayehlatyelwe nguMoya oyiNgcwele, ukuba akayi kubona kufa, engekamboni uKristu weNkosi. |
|
| 27 |
|
| Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho, |
|
| 28 |
|
| yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi: |
|
| 29 |
|
| Uyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo, Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho; |
|
| 30 |
|
| Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho, |
|
| 31 |
|
| Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe, |
|
| 32 |
|
| Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga, Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli. |
|
| 33 |
|
| Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye. |
|
| 34 |
|
| USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Uyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo; |
|
| 35 |
|
| ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha. |
|
| 36 |
|
| Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe. |
|
| 37 |
|
| Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anamine, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini. |
|
| 38 |
|
| Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem. |
|
| 39 |
|
| Bakuba bezigqibile zonke izinto ngokomthetho weNkosi, babuyela kwelaseGalili, emzini wabo iNazarete. |
|
| 40 |
|
| Ke kaloku wakhula umntwana, waya esomelela emoyeni, ezele bubulumko; lwaye nobabalo lukaThixo luphezu kwakhe. |
|
| 41 |
|
| Baye ke abazali bakhe behambela eYerusalem, iminyaka ngeminyaka, emthendelekweni wepasika. |
|
| 42 |
|
| Kuthe, xa abe eminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, bakubon ukuba banyuke baya eYerusalem ngokwesiko lomthendeleko lowo, |
|
| 43 |
|
| bakubon ukuba bazigqibile ke iintsuku ezo, ekubuyeni kwabo, umntwana uYesu wasalela eYerusalem. Babengazi ke uYosefu nonina. |
|
| 44 |
|
| Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo. |
|
| 45 |
|
| Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna. |
|
| 46 |
|
| Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza. |
|
| 47 |
|
| Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe na ziimpendulo zakhe. |
|
| 48 |
|
| Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu. |
|
| 49 |
|
| Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo? |
|
| 50 |
|
| Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo. |
|
| 51 |
|
| Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Wamana ukuzigcina ke unina zonke ezo ndawo entliziyweni yakhe. |
|
| 52 |
|
| Waye UYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu. |
|
|
|
|