|
| 1 |
|
| Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona. |
|
| 2 |
|
| Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo. |
|
| 3 |
|
| Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini. |
|
| 4 |
|
| Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam. |
|
| 5 |
|
| Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni. |
|
| 6 |
|
| Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate ezimbini nantathu. |
|
| 7 |
|
| Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike. |
|
| 8 |
|
| Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke. |
|
| 9 |
|
| Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni. |
|
| 10 |
|
| Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo;wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku. |
|
| 11 |
|
| Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa Uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe. |
|
| 12 |
|
| Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi. |
|
| 13 |
|
| Yayikufuphi ke ipasika yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem. |
|
| 14 |
|
| Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli. |
|
| 15 |
|
| Wenza iziniya ngemizi, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile; |
|
| 16 |
|
| wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela. |
|
| 17 |
|
| Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye. |
|
| 18 |
|
| Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto? |
|
| 19 |
|
| Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu. |
|
| 20 |
|
| Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mane anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na? |
|
| 21 |
|
| Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe. |
|
| 22 |
|
| Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu. |
|
| 23 |
|
| Ke kaloku, akubon ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza. |
|
| 24 |
|
| Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke; |
|
| 25 |
|
| nangokuba bekungafuneki kuye, ukuba kungqine bani ngaye umntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu. |
|
|
|
|