|
| 1 |
|
| Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi |
|
| 2 |
|
| (nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe), |
|
| 3 |
|
| yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili. |
|
| 4 |
|
| Ibimelwe ke kukuthi icande kwela maSamariya. |
|
| 5 |
|
| Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe. |
|
| 6 |
|
| Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona. Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu. |
|
| 7 |
|
| Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele. |
|
| 8 |
|
| (Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.) |
|
| 9 |
|
| Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Uthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya. |
|
| 10 |
|
| Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele: unge ucele kuye wena, wakupha amanzi aphilileyo. |
|
| 11 |
|
| Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo? |
|
| 12 |
|
| Wena umkhulu yini na kunobawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo yena, nabantwana bakhe, nemfuyo yakhe? |
|
| 13 |
|
| Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe; |
|
| 14 |
|
| ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade. |
|
| 15 |
|
| Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha. |
|
| 16 |
|
| Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha. |
|
| 17 |
|
| Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ulungisile ukuthi, Andinandoda; |
|
| 18 |
|
| kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, unyanisile ukutsho. |
|
| 19 |
|
| Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena. |
|
| 20 |
|
| Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona. |
|
| 21 |
|
| Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo. |
|
| 22 |
|
| Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo;ngokuba usindiso luphuma kumaYuda. |
|
| 23 |
|
| Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. |
|
| 24 |
|
| UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso. |
|
| 25 |
|
| Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu; xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke. |
|
| 26 |
|
| Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye. |
|
| 27 |
|
| Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi.Ufuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo? |
|
| 28 |
|
| Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya;ithi ebantwini, |
|
| 29 |
|
| Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu yini na? |
|
| 30 |
|
| Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye. |
|
| 31 |
|
| Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi, yidla. |
|
| 32 |
|
| Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina. |
|
| 33 |
|
| Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla? |
|
| 34 |
|
| Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe. |
|
| 35 |
|
| Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisene, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe. |
|
| 36 |
|
| Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade, ukuze nalowo uhlwayelayo avuye, kunye nalowo uvunayo. |
|
| 37 |
|
| Kuba likule nto ilizwi eliyinyaniso, eli lithi, Omnye uyahlwayela, nomnye avune. |
|
| 38 |
|
| Mna ndanithuma ukuvuna oko ningabulalekanga kuko nina;abanye babulalekile, naza nangena nina ekubulalekeni kwabo. |
|
| 39 |
|
| Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Undityele izinto zonke endakha ndazenza. |
|
| 40 |
|
| Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo;wahlala khona ke imihla emibini. |
|
| 41 |
|
| Into eninzi yakholwa ngakumbi ngenxa yelizwi lakhe. |
|
| 42 |
|
| Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu. |
|
| 43 |
|
| Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili. |
|
| 44 |
|
| Kuba uYesu ngokwakhe wangqina, ukuba umprofeti akanambeko kowabo. |
|
| 45 |
|
| Xenikweni ngoko wafikayo kwelaseGalili, bamamkela abaseGalili ababezibonile zonke izinto awazenzayo eYerusalem emthendelekweni; kuba babeyile nabo emthendelekweni. |
|
| 46 |
|
| Wabuya ngoko weza uYesu eKana yelaseGalili, apho amanzi ebewenze iwayini. Kwaye kukho igosa lakomkhulu elithile, elinyana wayesifa eKapernahum. |
|
| 47 |
|
| Lithe lakuva lona ukuba uYesu uphumile kwaYuda, wafika kwelaseGalili, laya kuye, lamcela ukuba ehle amphilise unyana walo, kuba ebeza kubhubha. |
|
| 48 |
|
| Wathi ngoko uYesu kulo, Ukuba anithanga nibone imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukha nikholwe. |
|
| 49 |
|
| Lithi kuye igosa lakomkhulu, Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam. |
|
| 50 |
|
| Athi uYesu kulo, Hamba uhambe; unyana wakho uhleli.Wakholwa umntu lowo lilizwi awalithethayo uYesu kuye, wahamba ke. |
|
| 51 |
|
| Ke kaloku, akubon ukuba uselesihla, izicaka zakhe zamhlangabeza, zambikela zisithi, Umntwana wakho uhleli. |
|
| 52 |
|
| Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina. |
|
| 53 |
|
| Wazi ngoko uyise, ukuba bekukwangelo lixa abethe ngalo uYesu kuye, Unyana wakho uhleli; wakholwa, yena nendlu yakhe iphela. |
|
| 54 |
|
| Lo mqondiso ke wesibini wawenza uYesu, eselephumile kwelakwaYuda, weza kwelaseGalili. |
|
|
|
|