|
| 1 |
|
| Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala. |
|
| 2 |
|
| Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba. |
|
| 3 |
|
| Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo. |
|
| 4 |
|
| Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi. |
|
| 5 |
|
| Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye. |
|
| 6 |
|
| Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile. |
|
| 7 |
|
| Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo. |
|
| 8 |
|
| Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki. |
|
| 9 |
|
| Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili. |
|
| 10 |
|
| Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela. |
|
| 11 |
|
| Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena? |
|
| 12 |
|
| Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu. |
|
| 13 |
|
| Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda. |
|
| 14 |
|
| Ke kaloku, kwakubon ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa. |
|
| 15 |
|
| Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje? |
|
| 16 |
|
| Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo. |
|
| 17 |
|
| Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le: ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na. |
|
| 18 |
|
| Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye. |
|
| 19 |
|
| Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala? |
|
| 20 |
|
| Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala? |
|
| 21 |
|
| Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke. |
|
| 22 |
|
| UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalusa ke umntu nangesabatha. |
|
| 23 |
|
| Ukuba umntu uyaluswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha? |
|
| 24 |
|
| Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo. |
|
| 25 |
|
| Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala? |
|
| 26 |
|
| Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso? |
|
| 27 |
|
| Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona. |
|
| 28 |
|
| Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina. |
|
| 29 |
|
| Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile. |
|
| 30 |
|
| Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki. |
|
| 31 |
|
| Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye;yayisithi, UKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo? |
|
| 32 |
|
| AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe. |
|
| 33 |
|
| Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndize ndiye kowandithumayo. |
|
| 34 |
|
| Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina. |
|
| 35 |
|
| Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na? |
|
| 36 |
|
| Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina? |
|
| 37 |
|
| Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele. |
|
| 38 |
|
| Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe. |
|
| 39 |
|
| Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa. |
|
| 40 |
|
| Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu. |
|
| 41 |
|
| Babesithi abanye, uKristu angavela kwelaseGalili yini na? |
|
| 42 |
|
| Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide? |
|
| 43 |
|
| Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe. |
|
| 44 |
|
| Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla. |
|
| 45 |
|
| Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi;baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye? |
|
| 46 |
|
| Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu. |
|
| 47 |
|
| Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na? |
|
| 48 |
|
| Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na? |
|
| 49 |
|
| Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe. |
|
| 50 |
|
| Uthe uNikodemo kubo (lowo wezayo kuye ebusuku, engomnye kwabo), |
|
| 51 |
|
| Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo? |
|
| 52 |
|
| Baphendula bathi kuye, Ungaba ungowelaseGalili nawe na?Phengulula ubone, ukuba akuveli mprofeti kwelaseGalili. |
|
| 53 |
|
| Walowo ke waya kweyakhe indlu. |
|
|
|
|