|
| 1 |
|
| Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita. |
|
| 2 |
|
| Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungahlali busihla;kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda. |
|
| 3 |
|
| Ke kaloku, akubon ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe. |
|
| 4 |
|
| Athe ke amabharbhari, akusibona isilo eso silengalenga esandleni sakhe, athetha odwa athi, Okwenene lo mntu ungumbulali; nakuba esindile elwandle, impindezelo ayivumi ukuba adle ubomi. |
|
| 5 |
|
| Yena ngoko wasivuthululela emlilweni isilo eso, akeva buhlungu noko. |
|
| 6 |
|
| Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe; bakulinda futhi ke, bakubona engahliwa nto imbi, bajika bathi unguthixo. |
|
| 7 |
|
| Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu. |
|
| 8 |
|
| Kwathi ke, uyise kaPubliyo walala phantsi, ebanjwe yicesina nokuxaxaza igazi; awathi uPawulos, engene kuye, wathandaza;wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa. |
|
| 9 |
|
| Kuthe ke kwakwenzeka oko, bathi nabanye ababenezifo esiqithini apho, beza baphiliswa; bathi bona basenzela iimbeko ezininzi; |
|
| 10 |
|
| bathi, xa sindulukayo, basithwesa ngezinto esizisweleyo. |
|
| 11 |
|
| Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini eso, onembasa yamaWele. |
|
| 12 |
|
| Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu. |
|
| 13 |
|
| Sisuka khona, sajikeleza safika eRegiyo; emva kosuku olunye, kwakubon ukuba umoya wasezantsi uvukile, safika ngowesibini umhla ePotiyoli; |
|
| 14 |
|
| safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma. |
|
| 15 |
|
| Bathi abazalwana, bakusiva, baphuma khona apho, beza kusihlangabeza, bada beza eApiyoforo, naseTritabherne; athe uPawulos, akubabona, wabulela kuThixo, womelezeka. |
|
| 16 |
|
| Ke kaloku, xeshikweni sifikileyo eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi; ke yena uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo. |
|
| 17 |
|
| Kwathi ke, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wabizela ndawonye abaziintloko bamaYuda; abathe bakubon ukuba ke babuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, mna ndithe, ndingenzanga nto ichasene nabantu namasiko akowethu, ndesuka eYerusalem ndingumbanjwa, ndanikelwa ezandleni zamaRoma. |
|
| 18 |
|
| Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa ndinalo. |
|
| 19 |
|
| Athe ke amaYuda akuphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare; kungengakuba ndibe ndinento yokulumangalela ngayo uhlanga lwakowethu. |
|
| 20 |
|
| Ndinibongoze ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani; kuba kungenxa yethemba lakwaSirayeli endinxitywe lo mxokelelwane. |
|
| 21 |
|
| Wona ke athi kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe. |
|
| 22 |
|
| Singa ke singeva kuwe izinto ozicingayo; kuba okunene ngalo elo hlelo kuyazeka kuthi, ukuba lichasiwe ezindaweni zonke. |
|
| 23 |
|
| Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela, ebaqononondisa kunene, ubukumkani bukaThixo; kananjalo ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, eqala kusasa ahlwise. |
|
| 24 |
|
| Yaye inxenye iseyiseka ngaloo mazwi athethwa nguye, yaye inxenye ingakholwa. |
|
| 25 |
|
| Bakuba ke bengavumelani, banduluka, akubon ukuba uPawulos uthethe zwi-nye, wathi, Watyapha uMoya oyiNgcwele ukuthetha ngoIsaya umprofeti koobawo bethu, |
|
| 26 |
|
| esithi, Hamba uye kwaba bantu, uthi, Ukuva oku niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje, nibone, ningakhe niqiqe. |
|
| 27 |
|
| Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba; Beva nzima ngeendlebe, Bewacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngeentliziyo, Bajike, ndibaphilise. |
|
| 28 |
|
| Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona. |
|
| 29 |
|
| Akuba etshilo, emka amaYuda, enembuzwano enkulu phakathi kwawo. |
|
| 30 |
|
| Ke kaloku, uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye, |
|
| 31 |
|
| ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani. |
|
|
|
|