|
| 1 |
|
| Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo? |
|
| 2 |
|
| Uthe ke yena: Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani.UThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, ekwelaseMesopotami, phambi kokuma kwakhe kwelakwaHaran, |
|
| 3 |
|
| wathi kuye, Phuma kuwo umhlaba wakowenu nasemizalwaneni yakho, uze emhlabeni endingakubonisa wona. |
|
| 4 |
|
| Waza waphuma ke emhlabeni wamaKaledi, wema kwelakwaHaran.Emveni kokufa kukayise, wamsusa apho, wamfudusela kulo mhlaba nimiyo kuwo nina ngoku. |
|
| 5 |
|
| Akamnika lifa kuwo, kwanendawo engangonyawo; kodwa wambeka ngedinga lokuba uya kumnika ube ngowakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, phofu engekabi namntwana. |
|
| 6 |
|
| Ke kaloku wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli emhla beni wabasemzini; baya kuyenza amakhoboka, bayiphathe kakubi iminyaka engamakhulu omane. |
|
| 7 |
|
| Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo. |
|
| 8 |
|
| Waza wamnika umnqophiso wolwaluko; wathi yena ekuwo, wazala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo, waza uIsake wamenjenjalo uYakobi, waza noYakobi wabenjenjalo oomawokhulu abalishumi elinababini. |
|
| 9 |
|
| Bathi oomawokhulu, bemmonele uYosefu, bathengisa ngaye, bamsingisa eYiputa; kodwa uThixo waba naye, |
|
| 10 |
|
| wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe iphela. |
|
| 11 |
|
| Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla. |
|
| 12 |
|
| Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala. |
|
| 13 |
|
| Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro. |
|
| 14 |
|
| Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu. |
|
| 15 |
|
| Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu; |
|
| 16 |
|
| baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem. |
|
| 17 |
|
| Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa, |
|
| 18 |
|
| kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu. |
|
| 19 |
|
| Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi. |
|
| 20 |
|
| Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise. |
|
| 21 |
|
| Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo. |
|
| 22 |
|
| Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi. |
|
| 23 |
|
| Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amane, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. |
|
| 24 |
|
| Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa: |
|
| 25 |
|
| wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona. |
|
| 26 |
|
| Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane? |
|
| 27 |
|
| Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu? |
|
| 28 |
|
| Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo? |
|
| 29 |
|
| Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini. |
|
| 30 |
|
| Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mane, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni. |
|
| 31 |
|
| Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi, |
|
| 32 |
|
| Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa. |
|
| 33 |
|
| Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. |
|
| 34 |
|
| Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa. |
|
| 35 |
|
| Lo Moses bamkhanyelayo, besithi, Umiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni. |
|
| 36 |
|
| Yena lowo wabakhupha, akubon ukuba wenze izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu, nasentlango, iminyaka engamashumi omane. |
|
| 37 |
|
| Lowo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, INkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena. |
|
| 38 |
|
| Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi; |
|
| 39 |
|
| abangathandanga kumlulamela oobawo bethu, besuka bamgiba, babuyela eYiputa ngeentliziyo zabo, |
|
| 40 |
|
| besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo. |
|
| 41 |
|
| Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla. |
|
| 42 |
|
| Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu;njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Ningaba nisondeze kum imibingelelo neminikelo yini na Iminyaka emashumi mane entlango, ndlu kaSirayeli? |
|
| 43 |
|
| Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo;Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli. |
|
| 44 |
|
| Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile; |
|
| 45 |
|
| lo kanjalo bawungenisayo, benikelana ngawo oobawo bethu, benoYoshuwa ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide; |
|
| 46 |
|
| owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba. |
|
| 47 |
|
| NguSolomon ke owamakhela indlu. |
|
| 48 |
|
| Noko Osenyangweni yena akemi zitempileni zenziwe ngazandla;njengokuba esitsho umprofeti ukuthi, |
|
| 49 |
|
| Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam;Yindlu enjani na eniya kuyakhela mna? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam? |
|
| 50 |
|
| Asisisandla sam na, esenza zonke ezo zinto? |
|
| 51 |
|
| Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; njengabo ooyihlo, nani ninjalo. |
|
| 52 |
|
| Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo?Bababulala ababexela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa;enithe kalokunje naba ngabanikeli nababulali, bakhe. |
|
| 53 |
|
| nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina. |
|
| 54 |
|
| Ke kaloku, bathi bakuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo. |
|
| 55 |
|
| Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo. |
|
| 56 |
|
| Wathi, Yabonani, ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana woMntu emi ngasekunene kukaThixo. |
|
| 57 |
|
| Badanduluka ke ngezwi elikhulu, bazivingca iindlebe zabo, besuka indulumbane phezu kwakhe ngamxhelo mnye, |
|
| 58 |
|
| bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye.Amangqina azibeka iingubo zawo ezinyaweni zendodana ekuthiwa nguSawule. |
|
| 59 |
|
| Ayemgibisela ngamatye uStefano, yena ebiza esithi, Nkosi Yesu, wamkele umoya wam. |
|
| 60 |
|
| Uguqile ke ngamadolo, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Nkosi, ungabamiseli esi sono. Akutsho, walala ubuthongo. |
|
|
|
|