IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni. |
| 2 |
| Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo. |
| 3 |
| Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo. |
| 4 |
| Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye. |
| 5 |
| Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo, |
| 6 |
| nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo; |
| 7 |
| nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo;nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo; |
| 8 |
| nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile. |
| 9 |
| Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo. |
| 10 |
| Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani; |
| 11 |
| mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani; |
| 12 |
| mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani;mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani; |
| 13 |
| mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni. |
| 14 |
| Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. |
| 15 |
| Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. |
| 16 |
| Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu. |
| 17 |
| Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okuhle emehlweni abantu bonke. |
| 18 |
| Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke. |
| 19 |
| Musani ukuziphindezelela, zint anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi. |
| 20 |
| Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle;ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo. |
| 21 |
| Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/romans/012.mp3
16
12