IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Ke kaloku, ngokubuthwa kwemali yokusiza abangcwele, njengokuba ndawamiselayo amabandla kaThixo akwelaseGalati, yenzani ngokunjalo nani. |
| 2 |
| Ngolokuqala usuku, iiveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqweba, into asukuba esikelelwe ngayo; ukuze kungathi, ndakuba ndifikile, kwandule ukubuthwa imali. |
| 3 |
| Ke ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem. |
| 4 |
| Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam. |
| 5 |
| Ndiya kuza ke kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje kwelaseMakedoni. |
| 6 |
| Ke kuni mhlawumbi ndingathi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona. |
| 7 |
| Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma. |
| 8 |
| Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste; |
| 9 |
| kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi. |
| 10 |
| Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam, |
| 11 |
| Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento.Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana. |
| 12 |
| Ke kaloku, ngaye nApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo. |
| 13 |
| Phaphani, elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani. |
| 14 |
| Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando. |
| 15 |
| Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele), |
| 16 |
| ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo. |
| 17 |
| Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko;ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu; |
| 18 |
| kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo. |
| 19 |
| Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo. |
| 20 |
| Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele. |
| 21 |
| Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos. |
| 22 |
| Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi. INkosi iyeza. |
| 23 |
| Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu malube nani. |
| 24 |
| Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/1corinthians/016.mp3
16
16