|
| 1 |
|
| Nam ke, bazalwana, bendingenakuthetha kuni njengakwaboMoya;bendinokuthetha njengakwabenyama, njengakwabaziintsana kuKristu. |
|
| 2 |
|
| Ndaniseza amasi, andaninika kudla kuqinileyo; kuba nibe ningekabi nakomelela, unangoku anikabi nako. |
|
| 3 |
|
| Kuba nisengabenyama; oku nje kukhoyo phakathi kwenu umona, neenkani, neembambaniso, aningabenyama na? Anihambi ngokwabantu na? |
|
| 4 |
|
| Kuba xa uthile athi, Mna ndingokaPawulos, athi wumbi, Mna ndingoka-Apolo, aningabenyama na ke? |
|
| 5 |
|
| Ungubani na yena uPawulos? engubani na yena uApolo?Ingabalungiseleli nje kuphela, enakholwa ngabo, njengokuba iNkosi yamnikayo ulowo nalowo. |
|
| 6 |
|
| Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo. |
|
| 7 |
|
| Ngoko ke lowo utyalayo akalutho, nalowo unkcenkceshayo akalutho; oyinto nguThixo lo uhlumisayo. |
|
| 8 |
|
| Lowo utyalayo ke, nalowo unkcenkceshayo, banto-nye; kodwa elowo uya kwamkela owakhe umvuzo ngokukokwakhe ukubulaleka. |
|
| 9 |
|
| Kuba thina singabasebenzisi bakaThixo; nina niyintsimi kaThixo, nisisakhiwo sikaThixo. |
|
| 10 |
|
| Ngokobabalo lukaThixo endababalwa ngalo, ndithi, ngokomakhi osisilumko, ndibeke ilitye lesiseko, athi ke omnye akhe phezu kwalo; ke elowo makakhangele ukuba uthini na ukwakha kwakhe phezu kwalo. |
|
| 11 |
|
| Kuba akukho namnye unako ukubeka litye limbi lesiseko, nxamnye nelo libekwe kade, linguYesu onguKristu. |
|
| 12 |
|
| Ukuba ke umntu ukhe wakha phezu kweli litye lesiseko igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imithi, ingca, iindiza, |
|
| 13 |
|
| umsebenzi walowo nalowo wobonakalaliswa; kuba loo mini iya kuwazisa, ngokuba iya kuvela inomlilo; nomsebenzi walowo nalowo, umlilo uya kuwucikida ubunjani bawo. |
|
| 14 |
|
| Ukuba umsebenzi awawakhayo umntu phezu kwalo, uthe wahlala uhleli, wowamkela umvuzo. |
|
| 15 |
|
| Ukuba umsebenzi womntu uthe watshiswa, wolahlekelwa ngumvuzo wakhe; ke yena okwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni. |
|
| 16 |
|
| Anazi na ukuba niyitempile kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo umi ngaphakathi kwenu? |
|
| 17 |
|
| Ukuba umntu uyayonakalisa itempile kaThixo, uThixo womonakalisa lowo; kuba itempile kaThixo ingcwele; ninjalo ke. |
|
| 18 |
|
| Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba umntu uba usisilumko phakathi kwenu kweli phakade, makabe sisidenge, ukuze abe sisilumko. |
|
| 19 |
|
| Kuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuye uThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Yena uyazibambisa izilumko kubuqhetseba bazo; |
|
| 20 |
|
| kwathiwa kananjalo, INkosi iyazazi izicamango zezilumko, ukuba azinto. |
|
| 21 |
|
| Ngoko ke makungabikho namnye uqhayisa ngabantu: kuba izinto zonke zezenu; |
|
| 22 |
|
| nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguKefas, nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezingeneyo, nokuba zezizayo: zonke zezenu. |
|
| 23 |
|
| Nina ke ningabakaKristu, uKristu ke ngokaThixo. |
|
|
|
|