|
| 1 |
|
| Kukho na umntu kuni, enendawo ngakomnye, onobuganga bokummangalela phambi kwabangemalungisa, angammangaleli phambi kwabangcwele? |
|
| 2 |
|
| Anazi na, ukuba abangcwele aba baya kuligweba ihlabathi?Ukuba ke ihlabathi ligwetywa phambi kwenu, anikufanele na ukuwathetha awona mancinanana amatyala? |
|
| 3 |
|
| Anazi na, ukuba siya kugweba izithunywa zezulu? Kobeka phi na ke kwizinto zobu bomi? |
|
| 4 |
|
| Xa sukuba ke ngoko nisiya ematyaleni ngezinto zobu bomi, nimisa abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na? |
|
| 5 |
|
| Nditsho ukuze nidane. Kude akwabakho noko sisinye na isilumko phakathi kwenu, esingaba nako ukulamla phakathi kwabo abazalwana? |
|
| 6 |
|
| Usuka umzalwana amangalelane nomzalwana, athi noko akwenze phambi kwabangakholiweyo. |
|
| 7 |
|
| Seninciphile ke kanye ngokokuthi nimangalelane. Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukoniwa? Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukulunyukiswa? |
|
| 8 |
|
| Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana. |
|
| 9 |
|
| Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, |
|
| 10 |
|
| namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. |
|
| 11 |
|
| Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu. |
|
| 12 |
|
| Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke.Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi; |
|
| 13 |
|
| izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba. |
|
| 14 |
|
| UThixo ke wayivusa iNkosi leyo; uya kusivusa nathi ngamandla akhe. |
|
| 15 |
|
| Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Nakanye! |
|
| 16 |
|
| Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, umzimba mnye nalo? Kuba kuthiwa, Abo babini boba nyama-nye. |
|
| 17 |
|
| Ke onamathele eNkosini, umoya mnye nayo. |
|
| 18 |
|
| Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba. |
|
| 19 |
|
| Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? |
|
| 20 |
|
| Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo. |
|
|
|
|