|
| 1 |
|
| Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo;nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka. |
|
| 2 |
|
| Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe naluka, uKristu akasayi kuninceda lutho. |
|
| 3 |
|
| Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela. |
|
| 4 |
|
| Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni. |
|
| 5 |
|
| Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni. |
|
| 6 |
|
| Kuba kwabakuKristu Yesu akunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando. |
|
| 7 |
|
| Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso? |
|
| 8 |
|
| Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo. |
|
| 9 |
|
| Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela. |
|
| 10 |
|
| Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani. |
|
| 11 |
|
| Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo. |
|
| 12 |
|
| Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo. |
|
| 13 |
|
| Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane. |
|
| 14 |
|
| Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. |
|
| 15 |
|
| Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye. |
|
| 16 |
|
| Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama. |
|
| 17 |
|
| Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda. |
|
| 18 |
|
| Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho. |
|
| 19 |
|
| Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo, |
|
| 20 |
|
| ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano, |
|
| 21 |
|
| oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. |
|
| 22 |
|
| Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa; |
|
| 23 |
|
| akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo. |
|
| 24 |
|
| Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo. |
|
| 25 |
|
| Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya. |
|
| 26 |
|
| Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana. |
|
|
|
|