IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Ningoonyana kuYehova uThixo wenu; ize ningazicenti, ningenzi mpandla phezu kwamehlo enu ngenxa yomfi; |
| 2 |
| ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu; uYehova uninyulele ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, ezizweni zonke eziphezu komhlaba. |
| 3 |
| Uze ungadli nanye into elisikizi. |
| 4 |
| Zizo ezi izinto ezizitho zine enozidla: |
| 5 |
| inkomo, imvu, imbuzi, ixhama, nebhadi, nelinqa, netshabangqa, nenqu, neula, negogo. |
| 6 |
| Yonke into ezitho zine ethiwe gqiphu uphuphu, ezimpuphu zicandwe zacandwa kubini, etyisa umtyiso, ezintweni ezizitho zine, noyidla yona. |
| 7 |
| Zezi zodwa eningayi kuzidla kwezetyisa umtyiso, nakwezithiwe gqiphu uphuphu: inkamela, nembila, nomvundla;ngokuba zetyisa umtyiso, ke aziluthe gqiphu uphuphu, ziziinqambi ke kuni; |
| 8 |
| nehagu, ngokuba iluthe gqiphu uphuphu, phofu ingetyisi, iyinqambi kuni. Inyama yazo ize ningayidli, nesidumbu sazo ningasichukumisi. |
| 9 |
| Ezintweni zonke ezisemanzini nozidla: zonke izinto ezinamaphiko namaxolo nozidla. |
| 10 |
| Ke zonke izinto ezingenamaphiko namaxolo ize ningazidli;ziziinqambi kuni. |
| 11 |
| Zonke iintaka ezihlambulukileyo nozidla. |
| 12 |
| Eningayi kuzidla zezi: ixhalanga, nosilwangangubo, nonomakhwezana, |
| 13 |
| nesangxa, noontloyiya ngohlobo lwabo; |
| 14 |
| nehlungulu lonke ngohlobo lwalo; |
| 15 |
| nenciniba, nesihuluhulu, nengabangaba, nentambane ngohlobo lwayo; |
| 16 |
| nesikhova, nefubesi, nenkuku yamanzi; |
| 17 |
| nengcwangube, nenkqo, nogwidi; |
| 18 |
| nengwamza, nokhwalimanzi ngohlobo lwakhe, nobhobhoyi, nelulwane. |
| 19 |
| Yonke inyakanyaka enamphiko iyinqambi kuni; ize ningayidli. |
| 20 |
| Zonke iintaka ezihlambulukileyo ningazidla. |
| 21 |
| Ize ningayidli yonke into ezifeleyo; ungamnika owasemzini osemasangweni akho, adle; ungathengisa ngayo kowolunye uhlanga;ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina. |
| 22 |
| Uze unikele isishumi songeniselo lonke lwembewu yakho ephuma entsimini, iminyaka ngeminyaka; |
| 23 |
| udle phambi koYehova uThixo wakho endaweni leyo aya kuyinyulela ukuhlalisa igama lakhe kuyo, esishumini sengqolowa yakho, nesewayini yakho entsha, neseoli yakho, namazibulo eenkomo zakho, nawempahla yakho emfutshane; ukuze ufunde ukumoyika uYehova uThixo wakho yonke imihla. |
| 24 |
| Xa indlela ithe yande kuwe, naxa uthe wakhohlwa ukusisa sona, ngokuba ikude kuwe indawo leyo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulimisa kuyo igama lakhe, naxa athe wakusikelela uYehova uThixo wakho: |
| 25 |
| wosanana ngemali, uyibophe imali esandleni sakho, uye endaweni leyo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho, |
| 26 |
| uyanane imali ngeento zonke osukuba uzinqwenela umphefumlo wakho, ngeenkomo, nangempahla emfutshane, nangewayini, nangesiselo esinamandla, nangeento zonke ozibizayo umphefumlo wakho; udle khona phambi koYehova uThixo wakho, uvuye wena nendlu yakho. |
| 27 |
| NomLevi osemasangweni akho uze ungamlibali, ngokuba akanasabelo nalifa ndawonye nawe. |
| 28 |
| Ekupheleni kweminyaka emithathu, wokhupha sonke isishumi songeniselo lwakho lwaloo mnyaka, ulufumbe emasangweni akho; |
| 29 |
| eze umLevi, ngokuba engenasabelo nalifa ndawonye nawe, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi osemasangweni akho, badle bahluthe; ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho emsebenzini wonke wesandla sakho owusebenzayo. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/deuteronomy/014.mp3
34
14