|
| 1 |
|
| Makangangeni ebandleni likaYehova olinyazwe ngokutyunyuzwa amasende, nonqanyulwe ubudoda. |
|
| 2 |
|
| Makungangeni mgqakhwe ebandleni likaYehova; nesizukulwana sawo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova. |
|
| 3 |
|
| Makangangeni ebandleni likaYehova umAmon nomMowabhi;nesizukulwana sabo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova naphakade; |
|
| 4 |
|
| ngenxa yokuba benganikhawulelanga ngesonka nangamanzi endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa; nangenxa enokuba bakuqeshela uBhileham unyana kaBhehore, wasePetore kwa-Aram phakathi kwemiLambo, ukuba akuqalekise. |
|
| 5 |
|
| Akavuma ke uYehova uThixo wakho ukumphulaphula uBhileham;usuke uYehova uThixo wakho wakuguqulela isiqalekiso saba yintsikelelo; ngokuba ubekhuthanda uYehova uThixo wakho. |
|
| 6 |
|
| Uze ungalukhathaleli naphakade uxolo lwabo nokuhlala kwabo kakuhle, yonke imihla yakho. |
|
| 7 |
|
| Aze angabi lisikizi kuwe umEdom, ngokuba ngumzalwana wakho;aze angabi lisikizi kuwe umYiputa, ngokuba ube ungumphambukeli ezweni lakhe. |
|
| 8 |
|
| Oonyana abathe babazala, abasisizukulwana sabo sesithathu, bongena ebandleni likaYehova. |
|
| 9 |
|
| Xa uthe waphuma umkhosi, waya ezintshabeni zakho, uze uzigcine kwinto yonke embi. |
|
| 10 |
|
| Xa kuthe kwakho kuwe indoda engahlambulukileyo, ngenxa yento eyihleleyo ebusuku, yophuma iye ngaphandle kweminquba;mayingangeni phakathi kweminquba. |
|
| 11 |
|
| Kothi, xa kuhlwayo, ihlambe ngamanzi; ithi lakutshona ilanga, ingene ke ngaphakathi kweminquba. |
|
| 12 |
|
| Woba nendawo engaphandle kweminquba, uphume ke uye khona endle. |
|
| 13 |
|
| Uze ube nolugxa empahleni yakho; kuthi ekuhlaleni phantsi kwakho endle, umbe ngalo, uhlale phantsi, ukuselele okuphuma kuwe; |
|
| 14 |
|
| ngokuba uYehova uThixo wakho uhambahamba phakathi kweminquba yakho, ukuba akuhlangule, azinikele iintshaba zakho kuwe. Ize icokiseke iminquba yakho, angaboni nto iziintloni kuwe, ajike emke kuwe. |
|
| 15 |
|
| Uze ungasinikeli enkosini yaso isicaka esisabele kuwe, sisuka enkosini yaso. |
|
| 16 |
|
| Sohlala nawe phakathi kwenu, kuloo ndawo sithe sayinyula kwelinye isango emasangweni akho, apho kusilungele khona; uze ungasixinzeleli phantsi. |
|
| 17 |
|
| Makungabikho ng awukazi kwindawo engcwele ezintombini zakwaSirayeli; makungabikho sifebe kwindawo engcwele koonyana bakaSirayeli. |
|
| 18 |
|
| Uze ungalungenisi utsheqo lwehenyukazi nomvuzo wenja endlwini kaYehova uThixo wakho, ngenxa yesibhambathiso nokuba sisiphi; ngokuba zingamasikizi kuYehova zombini ezo zinto. |
|
| 19 |
|
| Uze ungambizi nzala umzalwana wakho: nzala yamali, nzala yakutya, nzala nokuba yeyani ekubizwa inzala ngayo. |
|
| 20 |
|
| Wobiza inzala kowolunye uhlanga; uze ungabizi nzala kumzalwana wakho, ukuze akusikelele uYehova uThixo wakho ezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, kulo ilizwe ongena kulo ukuba ulime. |
|
| 21 |
|
| Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova uThixo wakho, uze ungalibali ukusizalisa; ngokuba uYehova uThixo wakho uya kusibiza kuwe, kube sisono kuwe. |
|
| 22 |
|
| Ke xa uthe wayeka, akwabhambathisa, akuyi kuba sono oko kuwe. |
|
| 23 |
|
| Okuphume emlonyeni wakho kugcine, ukwenze; njengoko ubhambathise ngako kuYehova uThixo wakho ngokuqhutywa yintliziyo, wakuthetha ngomlomo wakho. |
|
| 24 |
|
| Xa uthe wangena esidiliyeni sommelwane wakho, ungayidla idiliya uzifikisele, uhluthe, kodwa ungagaleli esityeni sakho. |
|
| 25 |
|
| Xa uthe wangena engqoloweni yommelwane wakho, engekavunwa, wokha izikhwebu ngesandla sakho; ungafaki rhengqa engqoloweni yommelwane wakho engekavunwa. |
|
|
|
|