|
| 1 |
|
| Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni; |
|
| 2 |
|
| nokuba sihlangulwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo;kuba ukholo alubantwini bonke. |
|
| 3 |
|
| Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo. |
|
| 4 |
|
| Sikholose ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza. |
|
| 5 |
|
| Yanga ke iNkosi ingathi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, naselunyamezelweni lukaKristu. |
|
| 6 |
|
| Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi. |
|
| 7 |
|
| Kuba niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu. |
|
| 8 |
|
| Asidlanga sonka samntu ngesisa; sidle ngokubulaleka nangemigu, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni; |
|
| 9 |
|
| kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina. |
|
| 10 |
|
| Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla. |
|
| 11 |
|
| Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye. |
|
| 12 |
|
| Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka. |
|
| 13 |
|
| Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo. |
|
| 14 |
|
| Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane. |
|
| 15 |
|
| Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana. |
|
| 16 |
|
| Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke. |
|
| 17 |
|
| Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala. |
|
| 18 |
|
| Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke.Amen. |
|
|
|
|