IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Kuba wonke umbingeleli omkhulu, engovele ebantwini nje, umiselwa abantu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze asondeze iminikelo kwanamadini ngenxa yezono; |
| 2 |
| enokuthantamisa kwabangazi nto nabalahlekayo, ekubeni naye ngokwakhe enxitywe ubulwelwe. |
| 3 |
| Ngenxa yabo ke ufanelwe kukuthi, njengokuba esondezela abantu, kwangokunjalo azisondezele amadini ngenxa yezono. |
| 4 |
| Kanjalo akukho mntu uzithabathela ngokwakhe imbeko leyo;oyithabathayo ngobizwe nguThixo, kwanjengoAron. |
| 5 |
| Ngokunjalo naye uKristu akazizukisanga ngokwakhe, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu; wazukiswa ngowathethayo kuye, wathi, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla; |
| 6 |
| njengokuba esithi nakwenye indawo, Wena ungumbingeleli ngonaphakade, Ngokohlobo lukaMelkitsedeke. |
| 7 |
| Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo. |
| 8 |
| Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo; |
| 9 |
| waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo, |
| 10 |
| ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke. |
| 11 |
| Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe. |
| 12 |
| Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo; nesuka naba ngabafanele ukusezwa amasi, anaba ngabafanele ukudla okuqinileyo. |
| 13 |
| Kuba bonke abasasezwa amasi abanamava elizwi lobulungisa, kuba beziintsana. |
| 14 |
| Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/hebrews/005.mp3
13
5