IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Wenani kaloku, zityebi, lilani nenze isijwili ngeenkxwaleko zenu ezizayo. |
| 2 |
| Ubutyebi benu bubolile, neengubo zenu zidliwe ngamanundu. |
| 3 |
| Igolide nesilivere yenu idliwe ngumhlwa; umhlwa wazo uya kuba lingqina ngakuni, uyidle inyama yenu njengomlilo.Niziqwebele ubutyebi ngeemini zokugqibela. |
| 4 |
| Yabonani, umvuzo wabasebenzi, abavune amasimi enu, lowo ubandeziweyo nini, uyakhala; kwaye ukubhomboloza kwabavuni abo kungenile ezindlebeni zeNkosi yemikhosi. |
| 5 |
| Nadla ubuncwane emhlabeni apha, naxhamla iziyolo, nazondla iintliziyo zenu njengamhla kuxheliweyo. |
| 6 |
| Namgweba, nambulala olilungisa; yena akanichasi. |
| 7 |
| Nyamezelani ngoko, bazalwana, ide ifike iNkosi. Niyabona, umlimi uyasilinda isiqhamo sawo umhlaba esinexabiso elikhulu, anyamezele ngaso, side samkele eyaphambili neyasemva imvula. |
| 8 |
| Nyamezelani nani, zizimaseni iintliziyo zenu, ngokuba ukufika kweNkosi kusondele. |
| 9 |
| Musani ukukrokrelana omnye nomnye, bazalwana, ukuze ningagwetywa; yabonani, uMgwebi umi phambi komnyango. |
| 10 |
| Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela. |
| 11 |
| Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba. |
| 12 |
| Ke kaloku, ngaphezu kweento zonke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba lizulu, nokuba ngumhlaba, nokuba sesinye isifungo esiyini; makathi ke uewe wenu abe nguewe, nohayi abe nguhayi, ukuze ningeyeli ekugwetyweni. |
| 13 |
| Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso. |
| 14 |
| Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi; |
| 15 |
| wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa. |
| 16 |
| Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe.Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa. |
| 17 |
| UEliya wayengumntu oluvo lunjengolwethu, wathandaza umthandazo ukuba ingani; ayana emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu. |
| 18 |
| Wabuya wathandaza, laza izulu lanika imvula, umhlaba wavelisa isiqhamo sawo. |
| 19 |
| Bazalwana, ukuba uthe omnye phakathi kwenu walahleka enyanisweni, wathi ubani wamguqula, |
| 20 |
| makazi ukuba lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo ekufeni, wagubungela inkitha yezono. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/james/005.mp3
5
5