IZIBHALO EZINGCWELE 1975
|
| 1 |
| Lavela iqashiso lesibini noSimon, nesizwe soonyana bakaSimon, ngokwemizalwane yabo. Ilifa labo laba phakathi kwelifa loonyana bakaYuda. |
| 2 |
| Elifeni labo baba neBher-sheba, neShebha, neMulada, |
| 3 |
| neHatsere-shuwali, neBhala, neAtsem, |
| 4 |
| ne-Eletoladi, neBhetuli, neHorma, |
| 5 |
| neTsikelage, neBhete-markabhoti, neHatsar-susa, |
| 6 |
| neBhete-lebhawoti, neSharuhen: imizi elishumi elinamithathu inemizana yayo; |
| 7 |
| iAyin, neRimon, ne-Etere, neAshan; imizi emine inemizana yayo, |
| 8 |
| nemizana yonke ejikeleze loo mizi, kwesa eBhahalatibhere (yiRama yelasezantsi ke leyo). Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo. |
| 9 |
| Laba sesabelweni soonyana bakaYuda ilifa loonyana bakaSimon; ngokuba isabelo soonyana bakaYuda sabagqitha.Oonyana bakaSimon babelwa ilifa phakathi kwelifa labo. |
| 10 |
| Lavela iqashiso lesithathu noonyana bakaZebhulon, ngokwemizalwane yabo. |
| 11 |
| Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham; |
| 12 |
| wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya. |
| 13 |
| Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha. |
| 14 |
| Umda wayizunguleza ngasentla, waya eHanaton; ukuma kwawo, wema ngomfula waseIfeta-eli; |
| 15 |
| neKatati, neNahalali, neShimron, neIdala, neBhetelehem:imizi elishumi elinamibini inemizana yayo. |
| 16 |
| Lilo elo ilifa loonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo. |
| 17 |
| Iqashiso lesine lavela noIsakare, noonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo. |
| 18 |
| Umda wabo wasinga kwiYizereli, neKesuloti, neShunem, |
| 19 |
| neHafarayim, neShihon, neAnaharati, |
| 20 |
| neRabhiti, neKishiyon, neAbhetse, |
| 21 |
| neRemeti, ne-En-ganim, ne-En-hada, neBhete-patsetse. |
| 22 |
| Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo. |
| 23 |
| Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo. |
| 24 |
| Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo. |
| 25 |
| Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi, |
| 26 |
| neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati. |
| 27 |
| Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo; |
| 28 |
| neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu. |
| 29 |
| Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe; |
| 30 |
| neUma, neAfeki, neRehobhi: imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo. |
| 31 |
| Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo. |
| 32 |
| Lavela iqashiso lesithandathu noonyana bakaNafetali, ileloonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo. |
| 33 |
| Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan; |
| 34 |
| wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenoti-tabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga. |
| 35 |
| Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete, |
| 36 |
| neAdama, neRama, neHatsore, |
| 37 |
| neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore, |
| 38 |
| neIron, neMigdali-eli, neHorem, neBhete-anati, neBhete-shemeshe: imizi elishumi elinesithoba inemizana yayo. |
| 39 |
| Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaNafetali, ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo. |
| 40 |
| Lavela iqashiso lesixhenxe nesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo. |
| 41 |
| Umda welifa labo waba yiTsora, ne-Eshtawoli, neIre-shemeshe, |
| 42 |
| neShahalabhin, neAyalon, neItela, |
| 43 |
| ne-Elon, neTimnata, ne-Ekron, |
| 44 |
| ne-Eleteke, neGibheton, neBhahalata, |
| 45 |
| neYehudi, neBhene-bheraki, neGati-rimon, |
| 46 |
| neMeyarkon, neRakon, kunye nomda omalunga neYafo. |
| 47 |
| Umda woonyana bakaDan wema ngayo. Benyuka ke oonyana bakaDan, baya kulwa neLeshem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bayihlutha, bema kuyo, bathi ukuyibiza iLeshem kukwaDan, ngegama likaDan uyise. |
| 48 |
| Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo, loo mizi inemizana yayo. |
| 49 |
| Bagqiba ke ukulaba ilizwe ngokwemida yabo. Oonyana bakaSirayeli bamnika uYoshuwa, unyana kaNun, ilifa phakathi kwabo. |
| 50 |
| Ngokomlomo kaYehova bamnika umzi awawubizayo, iTimnati-sera, ekweleentaba lakwaEfrayim. Wawakha loo mzi, wahlala kuwo. |
| 51 |
| Ngawo lawo amafa abawabayo ooElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise ezizweni zoonyana bakaSirayeli, ngamaqashiso eShilo, phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana. Bagqiba ke ukulaba ilizwe. |
|
| Gcina Amanqaku |
https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/joshua/019.mp3
24
19