|
| 1 |
|
| Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi: Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, nazo iinkwenkwezi ezisixhenxe, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile. |
|
| 2 |
|
| Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo. |
|
| 3 |
|
| Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva, ugcine, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo. |
|
| 4 |
|
| Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile. |
|
| 5 |
|
| Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe.Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini. |
|
| 6 |
|
| Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. |
|
| 7 |
|
| Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi: Utsho oyiNgcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye, ukuthi: |
|
| 8 |
|
| Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam. |
|
| 9 |
|
| Yabona, ndinika abesikhungu sikaSathana, abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile. |
|
| 10 |
|
| Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi. |
|
| 11 |
|
| Yabona, ndiza kamsinya; kubambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho. |
|
| 12 |
|
| Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam.Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha. |
|
| 13 |
|
| Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. |
|
| 14 |
|
| Isithunywa sebandla eliseLawodike, sibhalele uthi: Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo, ukuthi: |
|
| 15 |
|
| Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu;akwaba ububanda, akwaba ubushushu. |
|
| 16 |
|
| Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam. |
|
| 17 |
|
| Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto;ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze; |
|
| 18 |
|
| ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evuthiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuze bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone. |
|
| 19 |
|
| Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe;zondelela ngoko uguquke. |
|
| 20 |
|
| Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam. |
|
| 21 |
|
| Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe. |
|
| 22 |
|
| Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. |
|
|
|
|