|
| 1 |
|
| Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingakufuneli na ukuphumla okokulungela? |
|
| 2 |
|
| Kaloku akasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandeni. |
|
| 3 |
|
| Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandeni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela. |
|
| 4 |
|
| Wothi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi;yokuxelela ke yona into owoyenza. |
|
| 5 |
|
| Wathi kuye, Yonke into oyithethayo ndoyenza. |
|
| 6 |
|
| Wehla ke waya esandeni, wenza ngako konke abemwisele umthetho ngako uninazala. |
|
| 7 |
|
| Wadla uBhohazi, wasela, yachwayitha intliziyo yakhe; waya walala phantsi ekupheleni kwentlaba. Waya ke ecotha, wamtyhila ingubo ngasezinyaweni zakhe, walala phantsi. |
|
| 8 |
|
| Kwathi phakathi kobusuku, yothuka indoda leyo, yaguquka, yabona kulele inkazana ngasezinyaweni zayo. |
|
| 9 |
|
| Yathi, Ungubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho;twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena. |
|
| 10 |
|
| Yathi, Usikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi. |
|
| 11 |
|
| Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima. |
|
| 12 |
|
| Ewe! Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam. |
|
| 13 |
|
| Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba uthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse. |
|
| 14 |
|
| Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungaziwa ukuba bekuze inkazana esandeni. |
|
| 15 |
|
| Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele.Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka. |
|
| 16 |
|
| Waya kuninazala, wathi yena, Utheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo. |
|
| 17 |
|
| Wathi, Indinike ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha. |
|
| 18 |
|
| Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla. |
|
|
|
|