× Ulwimi IYurophu IsiRashiya IsiBhelarushiyen IsiUkraine Polish IsiSebhiya Bulgarian IsiSlovakian Czech Romanian IMoldova Azerbayijani Armenian Georgian Albanian I-Avar Isibashkir IsiTatar Chechen Slovenian Croatian Estonian Latvian IsiLithuwaniya Hungarian Finnish Norwegian Swedish Iceland IsiGrike Mecedonian IsiJamani Bavarian IsiDatshi Danish Welsh IsiGaelic Irish IsiFrentshi Basque IsiKhathalan IsiTaliyani IGalacian IsiRomani Bosnian Amantla Emelika IsiNgesi Amazantsi emelika Spanish IsiPhuthukezi IsiGuarani Quechuan Aymara UMbindi Merika IJamaican IsiNahuatl Kiche Qeqchi IsiHaiti EMpuma Asia IsiTshayina IsiJaphani Korean IsiMongoliya IsiUyghur Hmong EMazantsi mpuma eAsia IsiMalaysian Burmese Chin Nepali Cebuano Tagolog IsiCambodian IsiThai Indonesian IsiVietnamese Javanese Lao Iban IuMien Kachin Lahu Aceh Balinese Bugis Pampanga Sasak Shan Waray EMazantsi Asia Hindi Оdia Awadhi UMizo Kannada Malayalam Marathi Gujarati Tamil Telugu IsiPhunjabi UKurukh Isi-Assamese Maithili Bengali IsiUrdu Sinhala Dogri Haryanvi Meitei Konkani Santali Sindhi Koya Thado Sanskrit Devanagari Adilabad Gondi Ahirani IBalochi Bundeli Chhattisgarhi Garhwali Kangri Kumaoni Mewari Munda Sadri Seraiki Shekhawati Sylheti Umbindi weAsia IsiKyrgyz IsiUzbek IsiTajik IsiTurkmen Kazakhstan Karakalpak Phakathi empuma IsiTurkish IsiHebhere IsiArabhu Persian IsiKhudish IsiPhashto ICoptic Afrika Isibhulu IsiXhosa IsiZulu Ndebele IsiSotho Amharic Wolaytta WaseNigeria UMossi Ika IDinka Kabyle Ewe Swahili Morokho Somaliya IsiShona Madagaska Igbo IsiLingala Baoule Siswati IsiTsonga IsiTswana UmGambian IsiYoruba Kamba IsiKinyarwanda Hausa Chewa IsiLuo Makua Dyula Fulfulde Kalenjin Kikuyu Kikwango Kirundi Krio Nigerian Pidgin Oromo Tshiluba Tshivenda Twi Umbundu Lugbara Luguru Pular Gussi Maasai Turkana Moba Nuer Shilluk Tamasheq Makonde Bemba Fon Hadiyya Ibibio Kimbundu Kimiiru Lango Liberian Kreyol Lomwe Mende Morisyen Ndau Nyankole Sena Sidamo Soga Songe Sukuma Tarifit Teso Tiv Zande Ilizwekazi lase-Australia Nyu Zilend Gini eNtsha yasePapuwa Iilwimi ezindala IsiAramiki IsiLatini IsiEsperanto 1 1 1 IZIBHALO EZINGCWELE 1975 ITestamente Entsha 2020IBHAYIBHILE 1996IZIBHALO EZINGCWELE 1975Incwadi Yeziba̔lo 19021 1 1 2 Petros GenesisExodusLeviticusNumbersDeuteronomyYoshuwaAbagwebiRute1 Samuweli2 Samuweli1 Ukumkani2 Ukumkani1 Chronicles2 ChroniclesEzeraNehemiyaEstereYobhiUmhobeImizekelisoEcclesiastesSolomonIsayaYeremiyaIzimbononoHezekileDaniyeliHoseyaYoweliAmosiObhadiyaYonaMikaNahumHabhakukiZefaniyaHagayiZekariyaMalaki--- --- ---MateyuMarkoLukaYohaneActsRoma1 Korinte2 KorinteGalatiEfeseFilipiKolose1 Tesalonika2 Tesalonika1 Timoti2 TimotiTitoFilemonHebhereYakobi1 Petros2 Petros1 Yohane2 Yohane3 YohaneYudaIsityhilelo1 1 1 1 1231 1 1 : 1 1234567891011121314151617181920211 1 1 IZIBHALO EZINGCWELE 1975 2 Petros 1 Gcina amanqaku 1USimon Petros, umkhonzi nompostile kaYesu Kristu, ubhalela abo baluzuzileyo ukholo oluxabiso lunye nolwethu, ebulungiseni bukaThixo wethu, uMsindisi wethu uYesu Kristu:2uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo, ngokumazi uThixo, noYesu, iNkosi yethu.3Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima.4Esithe ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.5Ewe, ngenxa yoko, nakuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima; esidimeni ke, ukwazi;6ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo;7ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana; ekuthandeni ke abazalwana, ukuthanda abantu bonke.8Kuba xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.9Kuba lowo zingekhoyo kuye ezo zinto, uyimfama; ubona luzizi, ekulibele ukuhlanjululwa kwezono zakhe zakudala.10Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke.11Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.12Kungoko ndingakuyekiyo ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni.13Ndiba ke kububulungisa, ukuba ngalo gama ndikulo mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza;14ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwalo mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo.15Kananjalo ndiya kukhuthalela ke ukuba nibe nako, amaxa onke emva kokumka kwam, ukuzikhunjuzwa ezo zinto.16Kuba sithe, singalandelanga zintsomi zabuqhinga, sanazisa amandla nokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; sithe saba ngababoneli bobungangamsha bakhe.17Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo mna nguye.18Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele.19Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu;20nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela.21Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.Xhosa Bible 1975 © Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved IZIBHALO EZINGCWELE 1975 2 Petros 1 00:00:00 00:00:00 0.5x 2.0x https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa/2peter/001.mp3 3 1