× Ulwimi IYurophu IsiRashiya IsiBhelarushiyen IsiUkraine Polish IsiSebhiya Bulgarian IsiSlovakian Czech Romanian IMoldova Azerbayijani Armenian Georgian Albanian I-Avar Isibashkir IsiTatar Chechen Slovenian Croatian Estonian Latvian IsiLithuwaniya Hungarian Finnish Norwegian Swedish Iceland IsiGrike Mecedonian IsiJamani Bavarian IsiDatshi Danish Welsh IsiGaelic Irish IsiFrentshi Basque IsiKhathalan IsiTaliyani IGalacian IsiRomani Bosnian Amantla Emelika IsiNgesi Amazantsi emelika Spanish IsiPhuthukezi IsiGuarani Quechuan Aymara UMbindi Merika IJamaican IsiNahuatl Kiche Qeqchi IsiHaiti EMpuma Asia IsiTshayina IsiJaphani Korean IsiMongoliya IsiUyghur Hmong EMazantsi mpuma eAsia IsiMalaysian Burmese Chin Nepali Cebuano Tagolog IsiCambodian IsiThai Indonesian IsiVietnamese Javanese Lao Iban IuMien Kachin Lahu Aceh Balinese Bugis Pampanga Sasak Shan Waray EMazantsi Asia Hindi Оdia Awadhi UMizo Kannada Malayalam Marathi Gujarati Tamil Telugu IsiPhunjabi UKurukh Isi-Assamese Maithili Bengali IsiUrdu Sinhala Dogri Haryanvi Meitei Konkani Santali Sindhi Koya Thado Sanskrit Devanagari Adilabad Gondi Ahirani IBalochi Bundeli Chhattisgarhi Garhwali Kangri Kumaoni Mewari Munda Sadri Seraiki Shekhawati Sylheti Umbindi weAsia IsiKyrgyz IsiUzbek IsiTajik IsiTurkmen Kazakhstan Karakalpak Phakathi empuma IsiTurkish IsiHebhere IsiArabhu Persian IsiKhudish IsiPhashto ICoptic Afrika Isibhulu IsiXhosa IsiZulu Ndebele IsiSotho Amharic Wolaytta WaseNigeria UMossi Ika IDinka Kabyle Ewe Swahili Morokho Somaliya IsiShona Madagaska Igbo IsiLingala Baoule Siswati IsiTsonga IsiTswana UmGambian IsiYoruba Kamba IsiKinyarwanda Hausa Chewa IsiLuo Makua Dyula Fulfulde Kalenjin Kikuyu Kikwango Kirundi Krio Nigerian Pidgin Oromo Tshiluba Tshivenda Twi Umbundu Lugbara Luguru Pular Gussi Maasai Turkana Moba Nuer Shilluk Tamasheq Makonde Bemba Fon Hadiyya Ibibio Kimbundu Kimiiru Lango Liberian Kreyol Lomwe Mende Morisyen Ndau Nyankole Sena Sidamo Soga Songe Sukuma Tarifit Teso Tiv Zande Ilizwekazi lase-Australia Nyu Zilend Gini eNtsha yasePapuwa Iilwimi ezindala IsiAramiki IsiLatini IsiEsperanto 1 1 1 IBHAYIBHILE 1996 ITestamente Entsha 2020IBHAYIBHILE 1996IZIBHALO EZINGCWELE 1975Incwadi Yeziba̔lo 19021 1 1 Hebhere GenesisExodusLeviticusNumbersDeuteronomyYoshuwaAbagwebiRute1 Samuweli2 Samuweli1 Ukumkani2 Ukumkani1 Chronicles2 ChroniclesEzeraNehemiyaEstereYobhiUmhobeImizekelisoEcclesiastesSolomonIsayaYeremiyaIzimbononoHezekileDaniyeliHoseyaYoweliAmosiObhadiyaYonaMikaNahumHabhakukiZefaniyaHagayiZekariyaMalaki--- --- ---MateyuMarkoLukaYohaneActsRoma1 Korinte2 KorinteGalatiEfeseFilipiKolose1 Tesalonika2 Tesalonika1 Timoti2 TimotiTitoFilemonHebhereYakobi1 Petros2 Petros1 Yohane2 Yohane3 YohaneYudaIsityhilelo1 1 1 11 123456789101112131 1 1 : 6 123456789101112131415161718192021222324252627282930313233343536373839401 1 1 IBHAYIBHILE 1996 Hebhere 11 Gcina amanqaku 1Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.2Abantu bamandulo bagqwesa ngenxa yokuthembela kwabo kuThixo.3Ngokholo siyaqonda ukuba indalo yavela ngelizwi likaThixo, zaza izinto ezibonakalayo zabakho kungekho nto ibonakalayo adala ngayo.4Ngokholo lagqwesa kuThixo elika-Abheli idini kunelikaKayin. Ngokholo uAbheli wamkelwa nguThixo waba lilungisa, kuba uThixo ngokwakhe wakholiswa ngumnikelo wakhe. Ngako ukukholwa kwakhe ke, naxa afileyo nje uAbheli, usathetha.5Ngokholo uInoki wathwetyulwa engakhange afe. *IziBhalo zithi: “Akazange aziwe bani apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.” Futhi ziyangqina iziBhalo ukuba uInoki wamkholisa uThixo ngaphambi kokuba athathwe.6Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.7Ngokholo uNowa, xa wayexelelwa nguThixo ngezinto ezaziza kuhla, waphulaphula wakha inqanawa, walusindisa usapho lwakhe. Ngokholo lwakhe wabudandalazisa ubugwenxa behlabathi, waza wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokuthembela kwakhe kuye.8Ngokholo uAbraham walusabela ubizo lokuya kuma kwilizwe elalithenjiswe nguThixo kuye nakwinzala yakhe. Walishiya elakowabo, engazi nokuba makabheke ngaphi na.9Ngokholo wahlala engumphambukeli kwilizwe lesithembiso. Wayehlala ezintenteni. Benjenjalo nooIsake noYakobi abakwaziindlamafa zeso sithembiso.10Kaloku wayenxubile elindele elo lizwe liziseko zingagungqiyo, lakhiwe nguThixo.11Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe.12Yiyo ke loo nto kuthe kwindoda enye, naxa yayiselifana nofileyo nje kukwaluphala, kwavela inzala ebuninzi bungangeenkwenkwezi, ingenakubalwa okwentlabathi elunxwemeni lolwandle.13Bonke aba bantu bafa benokholo. Babengekazixhamli iziqhamo zesithembiso. Kodwa naxa zazikude babezibona, bezilangazelela, bevuma ukuba bona baziindwendwe nje ezidlulayo kweli lizwe.14Abantu abenjenje ukuthetha kucace mhlophe ukuba bafuna elakowabo,15bengalikhumbuli ilizwe abalishiyileyo. Kaloku ngebabebuyele ukuba kwakunjalo.16Koko sibabona benxubele ilizwe elihle – izulu. Yiyo ke loo nto angenazintloni uThixo xa kuthiwa unguThixo wabo; kaloku ubalungiselele isixeko.17Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake akuvavanywa nguThixo. Lo Abraham zazenziwe kuye izithembiso, nguye kanye lo wayeselemnikela unyana okwakukuphela kwakhe;18lo kanye kwakuthiwe ngaye: “Inzala yakho yokwaziwa ngomlibo kaIsake.”19Kaloku uAbraham yena wayeqonda ukuba uThixo unako ukubavusa abafileyo – ngathi ke uThixo wamvusa kwabafileyo noIsake.20Ngokholo uIsake walisikelela ikamva looYakobi noEsawu.21Ngokholo uYakobi wabasikelela bonke ngabanye, ngaphambi kokuba abhubhe, oonyana bakaJosefu. Wangqiyama ngomsimelelo wakhe, wanqula uThixo.22Xa wayeselukhukweni lokufa, uJosefu ngokholo wayolela ngemfuduko yamaSirayeli eJiputa, wayaleza namathambo akhe.23Ngokholo abazali bakaMosis bamfihla iinyanga ezintathu emva kokuba ezelwe. Kaloku wayelusana oluthandekayo, baza ke àbasithobela isimiselo sekumkani ngokwenza loo nto.24Ngokholo, akuba mdala uMosis, akazange avume ukuba kuthiwe ungunyana wentombi yokumkani waseJiputa.25Wakhetha ukuhlupheka kunye nabantu bakaThixo kunokuba axhamle isono nokuba ngumzuzwana nje.26Ingcikivo kaKrestu wayithatha njengento ebaluleke ngaphezu kwabo bonke ubutyebi baseJiputa, kuba wayenethemba lomvuzo ozayo.27Ngokholo uMosis wayishiya iJiputa, phofu kungengakuba wayesoyika umsindo wekumkani. Wayefunzele phambili ngokungathi wayembona uThixo ongabonwayo.28Ngokholo wamisela isidlo *sePasika. Wayalela ukuba makutshizwe imigubasi ngegazi, khon' ukuze isithunywa sokufa singawatshabalalisi amazibulo amaSirayeli.29Ngokholo amaSirayeli aluwela uLwandle oluBomvu ngokungathi ahamba emhlabeni owomileyo, kodwa wona amaJiputa eyela akuwalinganisa.30Lukholo olwadiliza iindonga zeJeriko, akuba amaSirayeli ezijikeleze iintsuku zasixhenxe.31Lukholo olwasindisa ihenyukazi uRahabhi ekutshabalaleni kunye nabo bangamthobeliyo uThixo, kuba lona lazamkela ngobubele iintlola.32Ndibalisa ntoni na? Lingaphela tu ixesha ndithetha ngoGidiyon, noBharaki, noSamson, uJafta, noDavide, uSamweli, *nabashumayeli bamandulo.33Ngokholo bona babhukuqa izikumkani, benza ubulungisa, bazuza izinto ezazithenjiswe nguThixo. Babevingca imilomo yeengonyama ezigqumayo,34bacime imililo edwanguzayo, basinde ekufeni ngekrele. Baphiwa amandla xa babengenawo. Babengamagorha emfazweni; babezichitha iintshaba zibe ziintsalu.35Ngokholo abafazi babebuyiselwa abafileyo babo bevuswe ekufeni. Abanye bâla ukukhululwa, bafa ngokungxwelerhwa, khon' ukuze bavukele kobona bomi.36Bambi babesenziwa intlekisa, bekatswa, bekhonkxwa ngamatyathanga, bevalelwa entolongweni.37Babekhandwa ngamatye, besarhwa kubini, bebulawa ngekrele. Babehamba benxibe iimfele zeegusha nezikhumba zeebhokhwe, beswele, betshutshiswa, bephethwe gadalala.38Babengafanelanga ukuhlala kweli hlabathi linje, ngenxa yokulunga kwabo. Babezizibhadu-bhadu ezazihamba zihlala koozintlango nasezintabeni, koomiqolomba nasemingxunyeni phantsi komhlaba.39Bayakhunjulwa bonke ngabanye aba, ngenxa yokugqwesa kokholo lwabo. Kambe ke abazizuzanga izinto ezathenjiswayo nguThixo,40kuba kaloku uThixo ube nacebo limbi lilungileyo: uthande ukuba bangazixhamli izithembiso zakhe ngaphandle kwethu.Xhosa Bible 1996 © Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved IBHAYIBHILE 1996 Hebhere 11 00:00:00 00:00:00 0.5x 2.0x https://beblia.bible:81/BibleAudio/xhosa1996/hebrews/011.mp3 13 11