Ibhayibhile ngonyaka omnye EyeDwarha 10Yeremiya 5:1-311. Uthi *uNdikhoyo: “Zityhutyheni izitalato zeJerusalem, nikhangele nigqale, nizigocagoce iindawo zembutho, nibone ukuba ngaba kukho mntu na olilungisa nonyanisekileyo. Ukuba ngaba ukho nokuba mnye ndoyixolela.2. Nokuba bangade bafunge bathi: ‘Ndifung' uNdikhoyo,’ bafunga ubuxoki.”3. Ngaba, Ndikhoyo, emntwini akukhangeli ntembeko na? Wabohlwaya, abeva noko. Wababetha kabuhlungu bayimangala ingqeqesho. Bayinyengane ngeenkani; abavumi kuguquka.4. Suka ndathi: “Ngamahlwempu adengekileyo la. Abayazi indlela kaNdikhoyo; abakuqondi okufunwa nguThixo wabo.5. Ndiza kuthetha nabakhulu. Ngabo abayaziyo indlela kaNdikhoyo; ngabo abakwaziyo okufunwa nguThixo wabo.” Kodwa nabo xa bebonke bayaphule idyokhwe, baziqhawula izitrophu.6. Ngoko ke bohlaselwa yingonyama, ingcuka ibatsho babe ngamaswili, kuzula-zule ihlosi libalalele ngasezidolophini zabo. Ukuba nje bakhe baphumela ngaphandle lobathi qwenge-qwenge. Kaloku benze uvukelo, baphikela ukumfulathela uThixo.7. “Ndingakuxolela njani kodwa, abantwana bakho bendibukule nje? Andithi bafunga bekhahlela oothixo abangento? Ndabondla, suka bona bakrexeza, baquqela emzini wehenyukazi.8. Bafana neenkunzi zamahashe ezondlekileyo – banqwenela abafazi boogxa babo.9. Mandingabohlwayi ke ngenxa yento enje; ndingaziphindezeli kwisizwe esinjengesi?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.10. “Ngena usivuthulule isidiliya sakhe, kodwa ungasibhuqi sonke. Wasuse amasebe aso, kuba aba bantu abangabo abakaNdikhoyo.11. Kaloku indlu kaSirayeli nekaJuda azikhange zithembeke kum mpela.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.12. Kaloku aba bantu bayamxoka uNdikhoyo, bathi: “A, suka! Akazukwenza nto lowo, kungekho nanto iza kusihlela. Asiyi kuhlaselwa bani, kungazi kubakho ndlala apha.13. Bona abashumayeli ngumoya nje; ilizwi alikho kubo. Maseliba ngabo abahlelwa yile ntlekele.”14. Ngako oko utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke ukuthi: “Ngenxa yentetho yabo enje, amazwi am ndiza kuwenza abe ngumlilo emlonyeni wakho, bona aba bantu batshiswe nguloo mlilo okweenkuni.15. “MaSirayeli, ndinizisela uhlanga oluvela kude.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Luhlanga lwamandulo olomeleleyo, oluntetho ningayivayo, kuba ningayazi.16. Isingxobo seentolo zabo sinjengengcwaba elivulekileyo; zizigantsontso zamagorha amajoni abo!17. “Hayi sona isivuno nokutya kwenu: baza kukugqiba! Koonyana neentombi zenu: ginyi qobo! Iinkomo neegusha zenu: ginyi qobo! Imidiliya namakhiwane: bimbilili! Izixeko zenu ezinqatyisiweyo, bozitshayela ngekrele; nditsho ezi kanye zilithemba lenu!18. “Kanti ngaloo mihla andiyi kunitshabalalisa kuphele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.19. “Xa besithi: ‘Kungani ukuba uNdikhoyo uThixo wethu asiphathe kanje?’ uze uthi kubo: ‘Njengoko nani benikreqile kuNdikhoyo, nanqula oothixo basemzini ezweni lakowenu, ngokukwanjalo ke niza kukhonza iintlanga kweleentlanga.’ ”20. Yithetheni le nto kwindlu kaYakobi, niyixele nakwaJuda, nithi:21. “Phulaphulani, bantundini baziziyatha bangaqiqiyo! Ninamehlo kodwa aniboni, nineendlebe kodwa aniva!22. Ngani ningandoyiki nje?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ngani ningankwantyi nje bubukho bam? Indim nje owabeka intlabathi yangumda wolwandle, umqobo olungasoze luwudlule naphakade. Nditsho nokuba seledloba egquma amaza, akasoze awugqithe.23. Kodwa aba bantu banenkani, abalawuleki. Bakreqile bemka kum.24. Àbatsho ezintliziyweni zabo ukuthi: ‘Masimoyike uNdikhoyo uThixo wethu osinika imvula ngexesha ekwindla nasentwasa-hlobo, osipha amathuba okuvuna minyaka le.’25. Ubugwenxa benu buzigxothile ezi zinto; izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.26. “Kukho izikhohlakali phakathi kwabantu bam. Zizinto ezilalelayo okwabathiyeli-zintaka; zigcayisela abantu.27. Izindlu zabo bazizalisa ngobuqhophololo ngathi ziingobozi zizele ziintaka; yiyo loo nto bezizityebi neendwalutho.28. Ngamaqukunya agudileyo kukutyeba; inkohlakalo yabo ayinamda. Inkedama abayithetheleli ukuze ibe nempumelelo; amalungelo endwayi abawakhuseli.29. “Mandingabohlwayi ke ngenxa yezi zenzo zabo, ndingaziphindezeli kubantu abanjengaba?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.30. “Kuhle isikizi elothusayo kulo mhlaba.31. Abashumayeli bashumayela ubuxoki; ababingeleli bona bakhokela ngokwentando yabo, kanti nabantu bam bayakholwa yiloo nto. Kodwa nothini ngomhla wokugqibela?”Yeremiya 6:1-301. “Balekani nisabe, bantu bakwaBhenjamin, niyishiy' iJerusalem! Vuthelani isigodlo eTekowa, nenz' umqondiso phezu kweBhete-hakerem ngomlilo. Kub' intlekele evela ngasentla igalelekile, ngokunjalo nentshabalalo engathethekiyo.2. Intombi eyiZiyon ndiyifanisa nedlelo elikhethekileyo.3. Yokhatshelwa kulo imihlambi ngabelusi, bafike bee thande, bagxumeke iintente, elowo adlise kweyakhe indawo.4. “Zigonyeni, niqulele imfazwe, sihlasele esi sixeko ilanga lisahlab' umhlaba. Hayi bo! Amathunz' awile, imini selisangene!5. Phakamani, sihlasele ngobusuku, sizidilize ezo nqaba.”6. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Gawulani imithi, nifumbe iingqumba zomhlaba kwiindonga zeJerusalem. Sisixeko esifanelwe kukohlwaywa, intw' ezele yingcinezelo yodwa.7. Njengoko ahlala empompoza amanz' omthombo, buhlala bunjalo ukumpompoza ububi baseJerusalem. Kuhlala kuvakala ugonyamelo nembuqe kuyo; iimbandezelo neentlungu zihlala ziphambi kwam njalo.8. Lumka, Jerusalem, hleze ndikulahle, naloo mhlaba wakho ndiwutsho ufane nenkangala engahlalwa bani.”9. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Khwahlaza loo masalela akwaSirayeli, uxele umntu okhwahlaza emdiliyeni, ebhikica loo minqandandana isele emasebeni.”10. Ndibhekise kubani? Ngubani owondiphulaphula, abamkele ubungqina bam? NingamaSirayeli alukileyo, ukanti iindlebe zenu zivalekile, aniva tu! Kubo ilizwi likaNdikhoyo lisisinyeliso; abalikhathalele nganto.11. Ndiyaphuphuma yingqumbo kaNdikhoyo ngenxa yabo. Kudala ndizibambile, ngoku ndidiniwe. “Yibhodlele kubantwana ezitalatweni, nakubafana ezimbuthweni. Kochatshazelwa bonke: amadoda nabafazi. Ewe, kochatshazelwa nabagugileyo, nditsho iinkothovu zamaxhego.12. Imizi yabo yothathwa bantu bambi, ngokunjalo amasimi nabafazi babo, xa ndibohlwaya abantu beli lizwe.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.13. “Kususela koyena uphantsi umntu, kuse kwabona baphakamileyo, xa bebonke basemva kwenzuzo. Kwanabashumayeli, nababingeleli ngabakhohlisi xa bebonke.14. Amanxeba abantu bam banga bayawanyanga ngokuthi: ‘Ngxe, ngxe, akukho ngozi!’ Ukanti alixolanga.15. Zizinto ezingenazintloni naxa zenze amanyundululu; azibi nalo nonyungu olu! Ngoko ke baza kuwa nabawileyo; bokhubeka mhla ndabavelela.” Utsho uNdikhoyo.16. Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Yimani eziphambukeni nikhangele, nibuzise ngomendo wamandulo, niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona, nihambe ngayo ke, ukuze nifumane inzolo emphefumlweni. Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’17. Ndanimisela abalindi, ndathi: ‘Phulaphulani izwi lesigodlo!’ Kodwa nina nathi: ‘Asiyi kuphulaphula.’18. “Bekani iindlebe ke ngoko, nina zintlanga, niyiqonde, mabandlandini, into endiza kubenza yona.19. Phulaphula, mhlaba, ubone ishwangusha endiza kulithumela aba bantu. Sisiphumo samayelenqe abo, kuba kaloku abalinanzanga ilizwi lam – andisathethi ke ngomyalelo wam abawubukuleyo.20. Andiyihoyanga intlaka yesiqhumiso yaseSheba, ndingawakhathalele namakha avela kwelasemzini. Andinamdla kumadini enu; andikholiswa nangala atshiswayo.”21. Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: “Aba bantu ndiza kubabekela imiqobo abaya kukhubeka kuyo, kuwe uyise nonyana kunye nabamelwana nezihlobo, batshabalale xa bebonke.”22. Utsho *uNdikhoyo ukuthi: “Nâlo uhlanga oluvela ngasentla, isizwe esinamandla esixhokonxwe lee emalandalahla.23. Baxhobe ngeentolo nemikhonto; izinto ezinolunya ezingenalusini. Batsho ngesandi esinga kugquma ulwandle, beza bekhwele amahashe bengamabutho okuhlasela wena, Ziyon.”24. Ewe, zifikile kuthi ezo ndaba, zangenwa ngumkhinkqi iingalo, lwangongoza uvalo oku komfazi olunywayo.25. Musa ukuphumela ngaphandle, ungakhe ubonwe ezindleleni, kuba utshaba luxhobile; lunxunguphalo macal' onke.26. Zithini wambu ngerhonya, bantu bam, nizibhuqa-bhuqe eluthuthwini, nibe ngathi nizilele unyana okuphela kwakhe ngesikrakra sona isililo, kuba uza kusifikela ngequbuliso yena umtshabalalisi.27. “Ndikwenze umgocagoci wabantu bam, ukuze uziqonde uzivavanye kakuhle iindlela zabo.28. Bangabakreqi abanenkani; balukhuni okwesinyithi nentsimbi. Zizinto ezihamba zisasaza ulwimi; bonakele xa bebonke.29. Imfutho ivuthela umlilo wokunyibilikisa ilothe. Uyawenza umsebenzi wakhe umkhandi, kodwa yonke loo nto lilize, kuba zona izikhohlakali azipheli.30. Kuthiwa abantu bayintlenge yesiliva, kuba uNdikhoyo ubabukule.”Umhobe 117:1-21. Dandulukani nibong' *uNdikhoyo, nonke nina zintlanga! Mtyibeleni nimncome, nonke nina zizwe!2. Kaloku izibele zakhe zibalasele ngakuthi; ibe ke uNdikhoyo wohlala enyanisekile kude kuse ephakadeni. Kungoko sisithi: “Bayethe, Mhlekazi!”Imizekeliso 27:3-43. Amatye nesanti ngumthwalo onzima; kodwa kona ukucatshukiswa sisityhakala luxanduva olungaphezulu.4. Umsindo unenkohlakalo, ingqumbo sisiphango; kodwa ke akakho onokumelana nobukhwele.Kolose 1:1-291. Kubhala mna Pawulos, *umthunywa kaYesu owamiselwa ngentando kaThixo, ndikunye nomwethu uTimoti.2. Ndibhalela usapho lukaThixo, amawethu athembekileyo aseKolose, amanyene noKrestu. Ndithi: Ngamana uThixo uBawo wethu wanenzela isisa, aniphe uxolo.3. Asinilibali emithandazweni yethu, singalibali nokumbulela uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Krestu,4. oko sevayo ngokukholwa nokuzinikela kwenu kuKrestu Yesu, nangokuluthanda kwenu usapho lukaThixo.5. Ewe, siyayibulela loo nto ngenxa yedinga eninalo kwaThixo, enaqala ukuva ngalo ngodaba lwenyaniso.6. Olu daba luvakala elizweni liphela, luvelisa iziqhamo, lunwenwe kanye ngale ndlela lenze ngayo naphakathi kwenu ukususela mhla neva naziqonda njengoko zinjalo izibele zikaThixo.7. Le nto nayiva ngoEpafra, umncedisi wethu othandekayo, osisicaka esithembekileyo sikaKrestu ngenxa yenu.8. Nathi ke usibalisele ngothando aniphe lona uMoya.9. Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya.10. Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo.11. Wanga anganomeleza ngamandla akhe agqitha ukuqonda, ukuze nibe nako ukunyamezela ninomonde novuyo.12. Bulelani kuBawo onenze nakufanela ukuba nenxaxheba kwilifa labantu bakhe ebuqaqawulini.13. Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda,14. lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.15. UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo; ingqalo nentloko yayo yonke indalo.16. Iinto zonke zadalwa ngaye, ezulwini nasemhlabeni, ezibonakalayo nezingabonakaliyo. Zonke zivela kuye: ooziphathamandla namatshawe, oozilawuli noomagunya. UThixo walidala ngaye elidalela yena ihlabathi liphela.17. Iinto zonke zingekabikho, yena wayekho kade. Nto zonke ziyondelelana zilungelelane kuye.18. Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye. Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni, khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke.19. UThixo uthandile ukuba aphuphume ubuThixo.20. Yena ngulowo uThixo azixolelanise ngaye nehlabathi liphela; ewe, ngokuphalala kwegazi lakhe emnqamlezweni wazixolelanisa naye zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni.21. Benifudula ninxaxhile, kungekho buhlobo phakathi kwenu noThixo, ngenxa yemikhwa emibi enaniyenza, niyicinga nokuyicinga.22. Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe.23. Nani ke yithini ngcembe elukholweni, nimi ngxishi phezu kwesiseko senu, ningagungqiswa nto kwithemba eninalo ngenxa yeendaba ezimnandi. Zezi ndaba kanye ke uThixo andithume ukuba ndizivakalise, ezi zishunyayezwa uwonke-wonke phantsi kwelanga.24. Kuyandonwabisa ukuhlupheka kwam ngenxa yenu. Kuba ngale ndlela ndithatha inxaxheba ngalo mzimba wam ubuthathaka ngokuzibandakanya neentlungu ezisilindeleyo zikaKrestu, ngenxa yomzimba wakhe, ibandla lakhe ke ukutsho.25. Ndenziwe umlungiseleli webandla nguThixo ondinike olu xanduva ukuba ndiluthwale ngenxa yenu. Luxanduva lodaba lwakhe ekufuneke ndiluvakalise ngokupheleleyo.26. Ndivakalisa loo mfihlelo yafihlwa mandulo kwizizukulwana ngezizukulwana. Kodwa ke ngoku ityhilwe kubantu bakaThixo.27. Yinjongo yakhe uThixo ukuyazisa kubantu bakhe le mfihlelo ixabiseke kunene, iqaqambileyo, ayilungiselele uluntu luphela. Yiyo le ke loo mfihlelo: uKrestu ungaphakathi kuni, ulithemba lewonga eniya kulifumana kuThixo.28. Ngoko ke sishumayela uKrestu eluntwini. Silumkisa sifundise wonke ubani ngamava esinawo, khon' ukuze sibanikele kuThixo bonke ngabanye befezekile ngokumanywa noKrestu.29. Ndibila ndisoma ukufeza olu xanduva, ndisebenza ngamandla endiwaphiwa nguKrestu ongaphakathi kum. Xhosa Bible 1996 © Bible Society of South Africa 1996