Ibhayibhile ngonyaka omnye EyeDwarha 8Yeremiya 1:1-191. Nalu udaba lukaJeremiya, unyana kaHilekiya, owayengomnye wababingeleli baseAnatoti kummandla wakwaBhenjamin.2. Lamfikela ilizwi *likaNdikhoyo uJeremiya kunyaka weshumi elinantathu uJosiya unyana ka-Amon engukumkani kwelakwaJuda,3. nangexesha likaJoyakim unyana kaJosiya ukumkani wakwaJuda, kwada kwangunyaka weshumi elinanye uZedekiya unyana kaJosiya elawula kwaJuda, bada abantu baseJerusalem bathinjwa ngenyanga yesihlanu.4. Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:5. “Ndakwazi ndingekakubumbi esizalweni sonyoko; ndazahlulela wena ungekazalwa, ndakwalatha ukuba ube ngumshumayeli kwiintlanga.”6. Mna ndiphendule ngelithi: “Awu, Nkosi yam Ndikhoyo, andikwazi ukuthetha; ndisengumntwana.”7. Uthe yena kum uNdikhoyo: “Mus' ukuthi usengumntwana! Yiya kubo bonke abantu endikuthuma kubo, ubaxelele konke endikuyalela kona.8. Uze ungaboyiki, kuba mna ndiza kuba nawe, ndikuhlangule. Kutsho mna Ndikhoyo.”9. Wasolula isandla sakhe uNdikhoyo, wachukumisa umlomo wam, watsho esithi kum: “Ngoku ndiwafaka emlonyeni wakho amazwi am.10. Namhla ndikumisela phezu kweentlanga nezikumkani ukuba uncothule, udilize, utshabalalise, ubhukuqe, wakhe, utyale.”11. Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Jeremiya, ubona ntoni?” Ndithe ukuphendula: “Ndibona isebe lomthi wom-amangile.”12. Uthe kum uNdikhoyo: “Ubone kakuhle. Nam ngokwam ndithe qwa ukuze ndizalisekise la mazwi am.”13. Libuye lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi: “Ubona ntoni?” Mna ndiphendule ndathi: “Phaya ngasentla ndibona imbiza ebilayo, ithambekele ngakweli cala.”14. Uthe ke kum uNdikhoyo: “Kuza kugqabhuka intlekele ngasentla, igubungele bonke abemi beli lizwe.15. Kaloku ndiza kubiza zonke izizwe zezikumkani zangasentla.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Ziza kufika ngazinye zimise izihlalo zazo emasangweni aseJerusalem, nasezindongeni zayo, nakuzo zonke izixeko zakwaJuda.16. Ndiza kubawisela isigwebo abantu bam ngenxa yenkohlakalo yabo yonke, kuba bandifulathele, baza benzela *thixo bambi iziqhumiso, banqula izinto abazenze ngezandla zabo.17. “Ke wena qinisa umbhinqo, usuke uye kubaxelela konke endikuyalele kona. Uze ungoyiki ngokoyikiswa ngabo, hleze mna ndikwenze ugubhe phambi kwabo.18. Mna ke ndikwenze wanjengesixeko esinqatyisiweyo, waqina okwentsika yentsimbi nodonga lobhedu, ukuze umelane neli lizwe liphela: ookumkani neziphathamandla zakwaJuda, kunye nababingeleli nabantu balo.19. Baza kulwa nawe, kodwa abasayi kuze bakoyise, kuba mna ndiza kuba nawe ndikukhusele.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.Yeremiya 2:1-371. Lavakala ilizwi *likaNdikhoyo lisithi kum:2. “Hamba uluvakalise olu daba ezindlebeni zeJerusalem, uthi uNdikhoyo uthi: “ ‘Ndikhumbula ukuzimisela kwakho ebutsheni bakho, ukundithanda kwakho usengumtshakazi, ukundilandela kwakho entlango, kumhlaba ongumqwebedu.3. Ewe, uSirayeli wayengokaNdikhoyo ncakasana, efana nolibo lwesivuno – abaludlayo badla ityala, intlekele ibafikele.’ ” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.4. Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo, mzi kaYakobi, nani nonke zizwe zakwaSirayeli.5. Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Bubi buni abâbubonáyo kum ooyihlo bade bandityeshele nje belandela *oothixo abangento, bade nabo babe zizinto ezingento?6. Abazange babuze bathi: ‘Uphi na lo Ndikhoyo owasikhupha kumhlaba waseJiputa, wasihambisa entlango kwilizwe elingumqwebedu lemiwewe; kwilizwe lembalela nesithokothoko sobumnyama, ilizwe ekungahambi bani kulo, kungekho namntu umiyo kulo?’7. Ndanisa kumhlaba wendyebo, ukuze nixhamle iziqhamo nentlutha yawo. Koko nina nithe nakufika nawuxabhela umhlaba wam, nalitsho lanezothe ilifa endininike lona.8. Ababingeleli ababuzanga bathi: ‘Uphi na uNdikhoyo?’ Abaphathiswa-mthetho abandazanga, abelusi bandivukela, nabashumayeli bashumayela benefuthe likaBhali, balandela *oothixo abangancedi lutho.”9. “Ngoko ke ndisanimangalela,” utsho umlomo *kaNdikhoyo. “Ndiya kumangalela kwanezizukulwana zenu.10. Khanikhe niwele niye kwiziqithi zamaKiti, okanye nithumele iintlola eKedare, ziye kuqinisekisa ukuba yakha yakho na into enjengale.11. Lwakha lwakho phi na uhlanga olwananisa ngoothixo balo, noba bengengoothixo ngenene? Kodwa bona abantu bam balananisile iqhayiya labo ngenxa yezinto ezingenaluncedo!12. Yothukani, mazulu, yile nto, nigubhe luloyiko, nithi khumnqa!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.13. “Kaloku lintlantlu mbini ityala labantu bam: bandishiyile mna, mthombo wamanzi ampompozayo, bazimbela awabo amaqula – amaqula avuzayo ziintanda.”14. “Ngaba uSirayeli likhoboka? Ngaba wazalelwa ebukhobokeni na? Ngani ukuba abe lixhoba?15. Iingonyama ziyagquma, ziyamgragramela. Seziwuqwenga-qwengile umhlaba wakhe, zazitsho zaba ngamabhodlo angahlali bani izixeko zakwaSirayeli.16. Ewe, abantu baseMemfisi naseTapanese sebekugugule ukhakhayi.17. Nguwe ngokwakho ozenzileyo, kuba umfulathele *uNdikhoyo uThixo wakho akuba ebekukhokela endleleni.18. Khawutsho ke, kungani ukuba uye kusela amanzi aseNayile eJiputa? Kungani uye kusela amanzi aseYifrate eAsiriya?19. Uza kuqeqeshwa bubugwenxa bakho; uza kululekwa kukukreqa kwakho; uza kubuqonda ubukrakra nobubi bokundifulathela nokungankwantyi phambi kwam, mna Ndikhoyo, Thixo wakho.” Lowo ngumlomo wengangalala uNdikhoyo onamandla onke.20. “Kudala, Sirayeli, wayaphulayo idyokhwe, waziqhawula izitrophu zakho, usithi: ‘Andiyi kukukhonza.’ Ewe, ubuhamba ulala ezinkalweni zonke nangaphantsi kwemithi yonke, uziqhekeza uxela ihenyukazi.21. Kanti ke mna ndakutyala; ungumdiliya omhle othenjiweyo. Kutheni ngoku sewajika waba ngumdiliya wasendle nje?22. Nditsho nokuba ungade uzihlambe ngesoda, uziguxe ngeyodwa isepha, awusayi kusuka wona umdintsi wesono sakho.” Lowo ngumlomo weNkosi *uNdikhoyo.23. “Ungathini ukuthi: ‘Andizenyelisanga; andikhange ndimlandele uBhali’? Khangela umkhondo wakho entilini, uzigqale izenzo zakho. Ubufana nqwa nethokazi lenkamela lirhaqaza entlango,24. nqwa nemazi yeqwarha lasentlango edumbileyo ehamba isezela umoya, ifuna inkunzi. Ngubani ongayithintelayo xa injalo? Akukho nkunzi izixhamla ngayo kuloo meko – isuka iyifumane lula ngelo xesha.25. Sirayeli, musa ukuzityabula iinyawo ude nomqala wakho utshe kukusukelana nezithixo. Kambe ke uthi: ‘Akusancedi nto; sendithandana noothixo basemzini; andinakungabalandeli.’ ”26. *UNdikhoyo uthi: “Kanye njengoko lidana linyoshoze xa libhaqiwe isela, koba njalo ukuhlazeka kukaSirayeli nookumkani bakhe, neziphathamandla, ababingeleli, kunye nabashumayeli.27. Bona bathi emthini: ‘Ungubawo wena.’ Elityeni bathi: ‘Nguwe ondizeleyo.’ Kaloku aba bantu beze ngenqentsu kum; abezanga ngabuso. Kodwa ngexesha leenkxwaleko ikwangabo abathi: ‘Phakama, usincede!’28. Baphi kakade abo thixo bakho uzenzeleyo? Mabavuke kaloku, bakuhlangule ngexesha lengxakeko. Baninzi kangangeedolophu zakho oothixo bakho, Juda!29. Nina ke, ningandibeka tyala lini, inini nje xa ninonke abakreqileyo kum?” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.30. “Naxa ndabohlwayayo abantwana benu, abazanga baqeqesheke. Suka nababulala ngekrele *abashumayeli, banga baqwengwe ziingonyama.31. Phulaphulani izwi likaNdikhoyo, nina besi sizukulwana! Ndiyintlango na kuni, maSirayeli, umhlaba osithokothoko sobumnyama? Ke kutheni ukuba abantu bam bathi: ‘Siza kuhamba ngesiyibonayo. Siyabhadula; soze siphinde size kuwe!’32. Ikhe izilibale iintsimbi zayo intombi? Yena umtshakazi ukhe awulibale umbhinqo wakhe? Kodwa bona abantu bam sele kukade bandilibalayo.33. Hayi ke indlela orhaqaza ngayo uleqeka emva kwezithandwa zakho! Sele unako ukufundisa nabafazi abangoongantweni.34. Izambatho zakho zilijaja ligazi leendwayi nabantu abamsulwa, ingelilo kambe elezikrelemnqa ozibhaqe ziqhekeza.35. Naxa kunjalo usathi: ‘Ndimsulwa; uNdikhoyo akasenawo umsindo ngakum.’ Kodwa ke mna Ndikhoyo ndiza kukohlwaya naxa usithi akwenzanga sono.36. Yini na ukuba urhaqaze kangaka, uzijika-jike iindlela zakho? IJiputa iza kukuphoxa kanye ngalaa ndlela yaniphoxa ngayo neAsiriya.37. Uya kuyishiya iJiputa unyoshoza ludano. Mna Ndikhoyo ndibalahlile abo uthembele kubo; akukho nto baya kukuphumelelisa kuyo.Umhobe 116:5-145. Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile; hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!6. UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo; nam ndandingenamandla wandihlangula.7. Musa ukuxhalaba, mphefumlo wam, kuba uNdikhoyo undivelele.8. UNdikhoyo undihlangule ekufeni; yena undosule iinyembezi, wandikhusela andakhubeka.9. Kungoko ndihamba noNdikhoyo kweli lizwe labaphilayo.10. Ndancekelela, ndathemba, nakuba ndandisithi sendivuthulukile.11. Ekuncameni ndakhala ndathi: “Abathembekanga kambe abantu.”12. Yaz'ba ndingambuyisela ngantoni na uNdikhoyo ngezibele ezingaka andenzele zona?13. Ndothatha indebe yosindiso, ndibize igama likaNdikhoyo.14. Izithembiso zam ndozifezekisa kuNdikhoyo; ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe.Imizekeliso 27:1-11. Musa ukuqhayisa ngengomso, kuba akuyazi loo mini ukuba iya kukuphathela ntoni na.Filipi 3:1-211. Ndiphetha ngelithi ke, mawethu, yanga iNkosi inganipha uvuyo. Akundixhamli konke ukuphinda ndibhale izinto ebekhe ndazibhala ngaphambili; iya kuninceda loo nto.2. Zilumkeleni ezo zinja, nemikhwa yazo emibi. Balumkeleni abo banimele ngokutsheca imizimba – soze ndithi lulwaluko loo nto yabo.3. Ábaluke ngenene sithi, thina bamnqula ngoMoya uThixo, thina baqhayiya labo linguKrestu Yesu, thina singaqhayisiyo ngento eyenziwe emzimbeni.4. Nam ngokwam bendingaqhayisayo ngezi zinto. Ukuba kukho bani uqhayisa ngembonakalo, mna ndingaqhayisa ngaphezulu:5. Mna ndaluswa ndineentsuku ezisibhozo ndizelwe. NdingumSirayeli wesizwe sakwaBhenjamin ngokomlibo, umHebhere nozwane. Ndandingoweqela *labaFarasi ekugcineni *umthetho,ndinenzondelelo,6. ndada ndalitshutshisa ibandla. Ndandingabekwa bala ekuwugcineni umthetho.7. Kodwa zonke ezo zinto ndandisithi ziyinzuzo, ngoku ndizithatha njengelahleko ngenxa kaKrestu.8. Phofu asizizo zodwa, koko yonke into ndiyithatha njengelahleko mpela, kuba zonke izinto zigqithwa kude lee yinzuzo yokwazana noYesu Krestu iNkosi yam. Ndalahla yonke into ngenxa yakhe. Into yonke ndiyithatha njengomgquba ngenxa yokufuna ukuzuza uKrestu.9. Kaloku ndimanywe naye, ndingenabulungisa ndizifumanele bona ngokugcina kwam umthetho. Ndimanywe noKrestu nje, ndenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa kuKrestu.10. Inye kuphela ke into endiyifunayo: kukwazana noKrestu, ndize nam ndiweve ukusebenza kwawo amandla okuvuka kwakhe, ndibe nenxaxheba kwiimbandezelo zakhe, ndimanywe naye ekufeni kwakhe,11. ndinethemba lokuba nam ndovuswa ekufeni.12. Asikuko nokuba ndithi sendiphumelele, okanye sendigqibelele, nto nje ndihlala ndixhinele phambili, ndizabalazela ukuba kubekho lutho ndiluzuzayo, kuba nam ndazuzwa nguKrestu Yesu.13. Hayi, mawethu, andizibaleli ekuthini sendizuzile, nto nje nantsi into endiyenzayo: ndithi ndizilibala izinto esezigqithile, nditsazele kwezo zingaphambili,14. ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.15. Sonke ke thina bafikeleleyo kulo mgangatho masibe nale njongo. Kambe, ukuba bakho kuni abaneembono ezizezinye, uThixo uya kubatyhilela.16. Kodwa ke ukuziphatha kwethu makulungelelane nalo mgangatho sesifikelele kuwo.17. Mawethu, manyanani ekulinganiseni mna. Mna ndingumzekelo kuni; ngoko ke bagqaleni abo bahambo injengeyam.18. Njengoko ndasoloko ndinixelela, ngoku nditsho ndisenzinyembezini, ukuba baninzi abazimilo zibenza babe ziintshaba zomnqamlezo kaKrestu.19. Bafunzele entshabalalweni. Bona uThixo wabo sisisu sabo. Ihlazo labo baqhayisa ngalo. Iingqondo zabo bazimilisele ezintweni zalo mhlaba.20. Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.21. Yena uya kuyiguqula le meko yethu iphuthileyo, ayifanise neyakhe enobungangamsha, esebenzisa kwaloo mandla awasebenzisayo xa afaka zonke izinto phantsi kolawulo lwakhe. Xhosa Bible 1996 © Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved