Ibhayibhile ngonyaka omnye UCanzibe 182 Samuweli 7:1-291. Akuba ukumkani ezinzile kwikomkhulu lakhe, *noNdikhoyo emnike ukuphumla kuzo zonke iintshaba ezimnqongileyo,2. wathetha *nomshumayeli uNatan wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi kaThixo ihlala nje ententeni!”3. UNatan wathi kukumkani: “Nantoni na oyicingayo qhubela phambili uyenze, kuba uNdikhoyo unawe.”4. Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaNdikhoyo lisithi:5. “Hamba, uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ngaba iya kuba nguwe na ondakhela indlu endiya kuhlala kuyo?6. Ukususela mhla ndawakhupha eJiputa amaSirayeli, kude kube namhlanje, andizange ndihlale endlwini; bendisoloko ndihamba-hamba ndihlala ententeni, nditsho kanye umnquba.7. Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’8. “Ke ngoko yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli.9. Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni.10. Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini na. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili,11. ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kukwenza uphumle kuzo zonke iintshaba zakho. “ ‘UNdikhoyo utsho kuwe ukuthi nguye ngokwakhe oya kuyizinzisa indlu yakho.12. Yakuphela imihla yakho, xa sewuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho oyinyama negazi lakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe.13. Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam, ndiluzinzise ulawulo lombuso wakhe ngonaphakade.14. Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam, xa onile abantu ndiya kubenza intonga endimohlwaya ngabo nemivumbo endimbetha ngabo.15. Inceba yam ayisayi kuze ishenxe kuye njengokuba ndênjenjalo kuSawule endamsusa esihlalweni ukuze kungene wena.16. Indlu yakho ndiya kuyizinzisa, ubukumkani bakho buhlale buhleli, ulawulo lwakho luhlale ngonaphakade.’ ”17. Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.18. Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Nkosi yam Ndikhoyo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku?19. Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?20. “Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Nkosi yam Ndikhoyo? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho.21. Ngenxa yelizwi lakho nangokokuthanda kwakho wenze le nto inkulu kangaka, ngenxa yesithembiso nobubele bakho, waza wayazisa kwisicaka sakho.22. “Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.23. Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze azenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha kunye *noothixo bazo, khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa.24. Ubazinzisile abantu bakho amaSirayeli, wabenza bangabakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.25. “Ngoku ke, Thixo Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso mawusigcine ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho26. ukuze igama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo onamandla onke nguThixo kaSirayeli.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.27. “Nguwe kaloku, Ndikhoyo onamandla onke, Thixo wakwaSirayeli, ondityhilele ezi zinto mna sicaka sakho. Nguwe othe: ‘Indlu yakho ndiza kuyakha.’ Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokwenza kuwe lo mthandazo.28. Nkosi yam Ndikhoyo, wena unguThixo, yaye amazwi akho athembekile. Isicaka sakho usenzele esi sithembiso sihle kangakanana.29. Ndiyakubongoza ke, yithamsanqele indlu yesicaka sakho, ize ihlale ikukhonza njalo. Kaloku, Ndikhoyo, Nkosi yam, kutsho wena ukuba indlu yesicaka sakho uya kuhlala uyithamsanqela ngonaphakade.”2 Samuweli 8:1-181. Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya, wawoyisa, wabuhlutha ubukhosi esandleni sawo.2. Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi. Uwalalise phantsi emhlabeni, wathatha intambo, wawalinganisa ngayo, isibini sobude bawo wasibulala, ke sona esesithathu sisonke wasiyeka saphila. AmaMowabhi aba phantsi kukaDavide ke, amnika imirhumo.3. Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi, xa kanye wayezama ukubuyisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati.4. UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.5. Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo.6. Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo konke apho ahamba khona.7. UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayengawamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem.8. Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neBherotayi ukumkani uDavide wathimba intaphane yobhedu.9. Zaya kutsho naseHamati kukumkani uToyi iindaba zokoyiswa komkhosi kaHadadizere nguDavide.10. Wandulula unyana wakhe uYoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyi. UYoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.11. Ezo zipho uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo nangesiliva negolide awayeyithimbe kwizizwe zonke azoyisileyo:12. ama-Aram, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, kunye nama-Amaleki. Wanikezela nangamaxhoba awawathimba kukumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi.13. UDavide wazenzela igama ukubuya kwakhe emva kokubulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyiwa.14. Wamisa amabutho akhe kulo lonke elase-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.15. Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe.16. UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku.17. Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uSeraya yena engunobhala.18. UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengabacebisi bakakumkani.Umhobe 64:1-101. Bek' iindlebe, Thixo, ndiyakhala; ndikhusele kwizoyikiso zotshaba.2. Ndifihle kumayelenqe abakhohlakeleyo, kwihlokondiba eliyila inkohlakalo.3. Ulwimi lwabo lubukhali njengekrele; bajolisa ngamazwi abukhali okweentolo.4. Balalela badubule abamsulwa; babaqubula bengenasazela.5. Bayakhuthazana kobu bukrelemnqa; bafuthelana ngamayelenqe; bathi: “Soze sibonwe!6. Ngubani onokulibhaqa eli yelenqe lethu? Iqhinga lethu silenze ngobuchule.” Kaloku intliziyo yomntu lulwandle!7. Kodwa ke uThixo uya kubadubula ngotolo; uya kubachana benzakale bengalindelanga.8. Uya kubabhubhisa ngenxa yokuthetha kwabo, abababonayo banikine iintloko.9. Bonke baya kutsho boyike, bakubhengeze akwenzileyo uThixo, bayetyise imisebenzi yakhe.10. Amalungisa makonwatyiswe *nguNdikhoyo. Ewe, makazimele ngaye; onke amalungisa makaqhayise ngaye.Imizekeliso 16:18-1918. Ikratshi lilandelwa yimbubho; ke kona ukudelela kutshayelela ukuwa.19. Akunani kwaukugqush' eluthulini nabahlelelekileyo kunokuxhaphaza amaxhoba nabakhukhumeleyo.Yohane 5:24-4724. “Ndithi kuni, inene, lowo uwevayo amazwi am, abe ekholwa kulowo undithumileyo, unobomi obungunaphakade. Yena akayi kugwetywa nokugwetywa, kuba selephumile ekufeni wangena ebomini.25. Ndithi kuni, inene, kuza ixesha, kwaye selifikile, lokuba abasemangcwabeni balive ilizwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi.26. UYise, umthombo odlisa ubomi, ukunike noNyana ukudlisa ubomi.27. Kananjalo umnike negunya lokugweba, kuba yena *enguNyana woLuntu.28. Musani ukumangaliswa kuko oku, kuba ixesha liyeza abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe,29. baphume emangcwabeni, bathi abo benze ubulungisa bavukele ebomini, bathi abo benze inkohlakalo bavukele ekugwetyweni.”30. “Mna ngokwam andinakwenza nto. Ndigweba njengoko ndiyalelweyo, kwaye ukugweba kwam kufanelekile, kuba andinanjongo yakwenza ntando yam, koko ndenza ukuthanda kwalowo undithumileyo.31. “Ukuba bendizingqinela ngokwam, ubungqina bam ngebuthandabuzeka.32. Kodwa ndinomnye ongqina ngam, kwaye ndiyazi ukuba ubungqina bakhe abuthandabuzeki.33. Senathumela kuYohane; ninabo ke ubungqina bakhe mayela nenyaniso.34. Anditsho kuba mna ndixhomekeke ekungqinelweni ngumntu, koko nditsho ukuze nina nisindiswe.35. UYohane wayesisibane esikhanyisayo, naza nina navuyiswa okwethutyana kukukhanyiselwa nguye.36. Kodwa ndinabo ubungqina obungaphezulu kobo bukaYohane, kuba imisebenzi andithumileyo uBawo ukuba ndiyifeze, ezi zinto kanye ndizenzayo, ziyandingqinela ukuba ndithunywe nguBawo.37. NoBawo ngokwakhe, yena lowo undithumileyo, ungqinile ngam, nangona nina ningazange nilive ilizwi lakhe, ningazange nimbone nokumbona.38. Ilizwi lakhe alibanga nandawo yakuhlala kuni, kuba anikholwa kulowo amthumileyo.39. Niyaziphengulula *iziBhalo, nizicingela okokuba ninobomi obungonaphakade ngokuzifunda; kanti zona zingqina ngam,40. kodwa nina anifuni ukuza kum ukuze nibe nabo obo bomi.41. “Mna andinanze kunconywa ngabantu;42. kodwa nina niyakufuna, kuba kaloku ukumthanda uThixo akukho kuni.43. Mna ndize ndigunyaziswe nguBawo, kodwa nina anindamkelanga. Ukuba ubani uthe weza ngelilelakhe igunya niya kumamkela!44. Beninokuthini kakade ukukholwa njengokuba nisemva kokuncomana nje, ningakukhathalelanga ukunconywa ngulowo unguThixo yedwa?45. Kodwa ke ze ningabi niya kumangalelwa ndim kuBawo. Ummangaleli wenu nguMosis, lowo nithembele kuye.46. Kaloku ukuba benikwamkela okubhalwe nguMosis, ngenindamkela nam, kuba uMosis wabhala ngam.47. Ke ukuba anikwamkeli oko wakubhalayo uMosis, beningathini kakade ukuwamkela amazwi am?” Xhosa Bible 1996 © Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved