|
|
| 1. UDavide wathi: “Ngaba akusekho nampunde na iseleyo kumzi kaSawule? Ndifuna ukuyenzela inceba ngenxa kaJonatan.” |
| 2. Kwakukho isicaka sakwaSawule apho, uZibha igama. Kwathiwa masiye phambi kokumkani. Wasibuza ukumkani sakufika wathi: “UnguZibha wena?” Saphendula sathi: “Ewe, ndinguye umkhonzi wakho.” |
| 3. Uqhube wathi ukumkani: “Ngaba kusekho impunde ekhoyo endlwini kaSawule? Ndifuna ukubonakalisa inceba kaThixo kuyo.” UZibha wathi kukumkani: “Ewe, kusekho unyana kaJonatan; nto nje ulimele iinyawo zombini.” |
| 4. Ukumkani wathi kuye: “Uphi apho akhoyo?” UZibha wathi kukumkani: “Uhlala kwaMakire, unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.” |
| 5. Ke ukumkani uDavide wamsusa uMefibhoshete endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli eLodebhare. |
| 6. Akufika phambi kokumkani uDavide, uMefibhoshete unyana kaJonatan unyana kaSawule wathi guqaqa ngobuso, wakhahlela kukumkani. UDavide wathi: “Mefibhoshete!” Yena wathi: “Ndim, mna sicaka sakho.” |
| 7. Uthe kuye uDavide: “Uze ungoyiki. Ndifuna ukukwenzela inceba ngenxa kayihlo uJonatan. Umhlaba kayihlo-mkhulu uSawule ndifuna ukuwubuyisela kuwe, yaye ndifuna udle etafileni yam lonke ixesha.” |
| 8. Ubuye wakhahlela uMefibhoshete, wathi: “Mhlekazi, uyintoni na umkhonzi wakho ukuba uthathe ingqalelo ngenja efileyo enjengam nje?” |
| 9. Ukumkani wabiza uZibha isicaka sikaSawule, wathi kuye: “Yonke into yakwaSawule inkosi yakho ndiyinika umzukulwana wakhe uMefibhoshete. |
| 10. Nguwe ke kunye noonyana bakho nezicaka zakwakho abaza kusebenza kulaa mhlaba wenkosi yakho uSawule, nilimele usapho lwakhe, nilondle ngaloo ndlela. Yena ke uMefibhoshete, umzukulwana wenkosi yakho, wohlala esitya isonka etafileni yam.” Wayeneshumi elinesihlanu loonyana uZibha, kunye namashumi amabini ezicaka. |
| 11. UZibha wathi kukumkani: “Isicaka sakho siya kukwenza konke umhlekazi inkosi yam asiyalela isicaka sakhe ukuba sikwenze.” Ke uMefibhoshete wayesitya etafileni kaDavide ngokungathi ungomnye woonyana bakakumkani. |
| 12. Wayenomntwana oyinkwenkwe uMefibhoshete, ogama linguMika. Bonke abantu ababehlala kwaZibha baba zizicaka zikaMefibhoshete. |
| 13. Yena uMefibhoshete wayehlala eJerusalem, esitya njalo kwitafile kakumkani. Wayelimele kuzo zombini iinyawo. |
|
|
| 1. Emva koko wafa ukumkani wama-Amon, kwaza ke esikhundleni sakhe kwalawula uHanun unyana wakhe. |
| 2. Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanum unyana kaNahashe njengoko wandenzelayo ububele uyise.” Wathuma izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanum ngenxa kayise. Athe ke loo madoda kaDavide akufika kwelama-Amon |
| 3. izikhulu zama-Amon zathi kuHanun inkosi yazo: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe, esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; athunywe nguDavide ukuza kuhlola esi sixeko ukuze akwazi ukusibhukuqa.” |
| 4. UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu icala elinye, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula. |
| 5. Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo, wathumela izigidimi, zawahlangabeza loo madoda, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.” |
| 6. Ke kaloku ama-Amon aqonda ukuba amkhubekisile uDavide, aza aya kuqesha amashumi amabini amawaka amadoda omkhosi ahamba ngeenyawo kuma-Aram kwimimandla yaseBhete-rehobhi naseZobha. Kukumkani waseMahaka aqesha iwaka lamadoda, laza ishumi elinambini lamawaka laqeshwa eTobhi. |
| 7. Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha. |
| 8. Ama-Amon aphuma akha uhlelo lokulwa ngasesangweni lesixeko. Ama-Aram aseZobha nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi naseMaka, athi gingqi odwa phaya ethafeni. |
| 9. Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram. |
| 10. Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, waza wawahlela loo madoda ajongana nama-Amon. |
| 11. UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula. |
| 12. Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zikaThixo. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.” |
| 13. UJowabhi namabutho akhe bafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka. |
| 14. Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wabuya ekulweni nama-Amon, waya eJerusalem nomkhosi wakhe. |
| 15. Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli, ama-Aram aphinda aqokelelana. |
| 16. Ukumkani uHadadizere wathi makulandwe ama-Aram angaphesheya komlambo iEfrati. Aya kuma eHelam, ekhokelwa nguShobhaki, injengele yomkhosi kakumkani uHadadizere. |
| 17. Akuva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan, waya kutsho eHelam. Ama-Aram akha uluhlu lokulwa noDavide, zaza zanqoza. |
| 18. Kambe ke ama-Aram aswantsuliswa ngamaSirayeli, waza uDavide wabulala amakhulu asixhenxe amajoni eenqwelo, namashumi amane amawaka amajoni akhwela amahashe. Wangxwelerhwa uShobhaki injengele yomkhosi wawo, waza wafa. |
| 19. Zonke iikumkani ezaziphantsi kukaHadadizere zathi zakuqonda ukuba ziyoyiswa ngamaSirayeli, zeza zenza uxolo namaSirayeli, zaba ngaphantsi kwawo. Ukususela oko ama-Aram oyika ukuwanceda emfazweni ama-Amon. |
|
|
| 1. Ufanelwe kukubongwa, Thixo, eZiyon, zifezekiswe kuwe izibhambathiso. |
| 2. Wena uyawugqala umthandazo; bonke baya kuza kuwe. |
| 3. Ngenxa yobugwenxa bethu iziphoso zethu ziyasongamela, kodwa wena uyasixolela. |
| 4. Uthamsanqelekile omnyulayo wena. Lowo umhlalisa enkundleni yakwakho. Siya kufumana ukwanela endlwini yakho, apho kukho ubunewu-newu nobungcwele. |
| 5. Ngemisebenzi yakho emangalisayo uyasiphendula usikhulule. Thixo, wena uyinkululeko kuthi. Ihlabathi liphela lithembele ngawe, nditsho neelwandle jikelele. |
| 6. Iintaba waziseka ngegunya lakho, zingumzobo wamandla akho. |
| 7. Ungumthozamisi weelwandle ezilwayo, umthibazi wamaza alatyuzayo, umthomalalisi wezizwe ezixokozelayo. |
| 8. Nabaseziphelweni zehlabathi bathi, bakuzibona ezi zinto, barhwaqele. Ngapha nangapha wena uhlwayela ulonwabo. |
|
|
| 20. Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela; ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo. |
| 21. Isilumko esizinzileyo siduma ngengqondo; ubuciko baso busenza silandelwe ngabantu. |
|
|
| 1. Kwathi emva koko uYesu waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, olo lukwabizwa ngokuba luLwandle lwaseTibheriya. |
| 2. Wayelandelwe sisihlwele esikhulu, kuba abantu babeyibonile imiqondiso awayenzayo ngokuphilisa abagulayo. |
| 3. UYesu wenyuka endulini, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe. |
| 4. Lalisondela itheko lamaJuda ekuthiwa yiPasika. |
| 5. Kwathi uYesu akukhangela, wabona isihlwele esikhulu sisiza kuye, waza wathi kuFilipu: “Ngaba sinokusithenga phi na isonka esaneleyo sokutyisa le ndimbane?” |
| 6. Esitsho nje, wayevavanya uFilipu, kuba yena wayekwazi oko aza kukwenza. |
| 7. Waphendula uFilipu, wathi: “Ngathi nesonka samakhulu amabini eerandi asingekhe sanele okokuba wonke okhoyo afumane iqhekezana.” |
| 8. Omnye wabafundi bakaYesu, uAndreya, umntakwabo-Simon Petros, wathi kuye: |
| 9. “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi, neentlanzi ezimbini; kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?” |
| 10. Waza uYesu wathi: “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho ibala elikhulu elinengca apho, baza bahlala phantsi. Inani lamadoda lalikumawaka amahlanu. |
| 11. Wazithatha ke uYesu ezo zonka, wabulela kuThixo, wababela abantu ababehleli phantsi. Wenjenjalo nakwiintlanzi, baza batya banela. |
| 12. Bakuhlutha abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Qokelelani okuseleyo. Makungabikho nentwana emoshakalayo.” |
| 13. Bawaqokelela ke amaqhekeza aseleyo ezo zonka zihlanu zerhasi, kwazala iingobozi ezilishumi elinambini. |
| 14. Bakuwubona abantu lo mqondiso uYesu awenzileyo, bathi: “Ngenene, kuthe kanti nguye lo *umshumayeli obekade elindelwe!” |
| 15. Waqonda uYesu okokuba bazimisele ukuza kumthatha bamenze ukumkani, waza wemka, waya entabeni eyedwa. |
| 16. Kwathi kwakuhlwa abafundi bakaYesu behla baya elwandle, |
| 17. bakhwela isikhitshana, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum. Nangona kwakusebusuku uYesu wayengekho kubo. |
| 18. Amanzi olwandle ayesilwa, kuba kwakuvuthuza umoya. |
| 19. Kwathi, bakuba begqibe iikhilomitha ezintlanu okanye ezintandathu bebheqa isikhitshana, babona nanko uYesu ehamba phezu kwamanzi olwandle, esondela. Boyika ke, |
| 20. kodwa uYesu wathi kubo: “Ndim; sanukoyika.” |
| 21. Bamamkela ke esikhitshaneni, kwathi kwangoko isikhitshana safika kuloo ndawo babesiya kuyo. |
|
|
| Xhosa Bible 1996 |
| Bible Society of South Africa 1996 |