Ibhayibhile ngonyaka omnye EyeKhala 20Ezera 1:1-111. Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa:2. “Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi, kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda.3. Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye eJerusalem kwelakwaJuda, ayakhe indlu kaNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uThixo oseJerusalem.4. Onke amasalela, ezindaweni zonke axhwarhe kuzo, makancedwe ngabantu bezo ndawo akuzo, anikwe isiliva negolide nenye impahla, kunye nemfuyo kwaneminikelo yokuqhutywa yintliziyo ukwenzela indlu kaThixo eJerusalem.’ ”5. Ke kaloku iinkulu zezindlu zakwaJuda nakwaBhenjamin, ababingeleli, nabaLevi, naye wonke umntu ontliziyo ichukunyiswe nguThixo, balungiselela ukuya kwakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem.6. Bonke abamelwane babo babancedisa ngezinto zesiliva, nezegolide, nenye impahla, nangemfuyo, nezipho ezixabisekileyo, ndawonye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo.7. Kananjalo ke ukumkani uKoreshi wayikhupha impahla eyayisetyenziswa endlwini kaNdikhoyo, leyo yayithinjwe nguNebhukadenezare eJerusalem waza wayibeka endlwini yothixo wakhe.8. Ukumkani uKoreshi wasePeshiya wathi mayikhutshwe nguMitredati unondyebo, owazibalayo wazinikezela kuSheshbhazare itshawe lakwaJuda.9. Ngawo la ke amanani azo: izitya zegolide 30 izitya zesiliva 1 000 iipani zesiliva 2910. iindebe zegolide 30 iindebe zesiliva eziyeleleneyo 410 ezinye izitya 1 00011. Zizonke ke ezi zinto zingamawaka amahlanu anamakhulu amane, izezegolide nezesiliva. Xa bagodukayo ke abathinjwa bephuma eBhabheli besiya eJerusalem, uSheshbhazare wazithatha bahamba nazo.Ezera 2:1-701. Naba ke abantu bephondo lakwaJuda abâkhululwáyo ekuthinjweni kwelaseBhabheli, okuya babethinjwe ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ke kaloku babuyela eJerusalem nakwaJuda, elowo waya kwidolophu yakowabo.2. Babekhokelwe nguZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uSeraya, uRelaya, uModekayi, uBhileshan, uMispare, uBhigwayi, uRewum, noBhana. Nalu ke uludwe lwamaSirayeli awabuyayo ndawonye namanani awo:3. inzala kaParoshe 2 1724. ekaShefatiya 3725. eka-Ara 7756. ekaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 8127. ekaElam 1 2548. ekaZatu 9459. ekaZakayi 76010. ekaBhani 64211. ekaBhebhayi 62312. eka-Azegadi 1 22213. eka-Adonikam 66614. ekaBhigwayi 2 05615. eka-Adin 45416. eka-Atere ngoHezekiya 9817. ekaBhezayi 32318. ekaYora 11219. ekaHashum 22320. ekaGibhare 9521. abantu baseBhetelehem 12322. abaseNetofa 5623. abaseAnatoti 12824. abaseAzemavete 4225. abaseKiriyati-yarim, eKefira, naseBheroti 74326. abaseRama naseGebha 62127. abaseMikimashe 12228. abaseBhetele naseAyi 22329. abaseNebho 5230. abaseMagebhishe 15631. abenye iElam 1 25432. abaseHarim 32033. abaseLodi, iHadide, neOno 72534. abaseJeriko 34535. abaseSena 3 63036. Ababingeleli: inzala kaYedaya ngendlu kaYeshuwa 97337. ekaImere 1 05238. ekaPashure 1 24739. ekaHarim 1 01740. AbaLevi: inzala kaYeshuwa noKademiyeli ngomlibo kaHodaviya 7441. Iimvumi: inzala ka-Asafu 12842. Abalindi-masango endlu kaThixo: inzala kaShalum, uAtere, uTalemon, uAkubhi, uHatita, noShobhayi 13943. Izicaka zendlu kaThixo: inzala kaZiya, uHasufa, uTabhayoti,44. uKerose, uSiyaha, uPadon,45. uLebhana, uHagabha, uAkubhi,46. uHagabhi, uShalemayi, uHanan,47. uGidele, uGahare, uRaya,48. uRezin, uNekoda, uGazam,49. u-Uza, uPaseya, uBhesayi,50. uAsna, uMewunim, uNefusim,51. uBhakebhuki, uHakufa, uHarure,52. uBhazeluti, uMehida, uHasha,53. uBhakose, uSisera, uTama,54. uNeziya, noHatifa55. Inzala yezicaka zikaSolomon: inzala kaSotayi, uSoferete, uPeruda,56. uYala, uDakon, uGidele,57. uShefatiya, uHatili, uPokerete-zebhayim, noAmi58. Izicaka zendlu kaThixo nenzala yezicaka zikaSolomon 39259. Aba balandelayo babesuka kwiidolophu zaseTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdan, naseImere; kambe ke ababanga nako ukuluvelisa uludwe lwemilibo yezindlu zabo kwaSirayeli:60. inzala kaDelaya nekaTobhiya nekaNekoda 65261. Ke kwinzala yababingeleli: inzala kaHabhaya, uHakozi, noBhazilayi (umfo owayethathe intombi kaBhazilayi umGiliyadi waza wabizwa ngaloo mlibo)62. Aba ke balukhangela uludwe lwemilibo yezindlu zakomawabo, kodwa ke zange balufumane, ngoko ke zange babandakanywe nobubingeleli, koko bathathwa *njengabanomlaza.63. Ke umlawuli wayalela ukuba bangatyi mpela kwizinto ezingcwele, kude kubekho umbingeleli obalungiselelayo *ngeeurim neethumim.64. Bebonke babengamashumi amane anambini amawaka namakhulu amathathu anamashumi amathandathu,65. ngaphandle kwamawaka asixhenxe anamakhulu mathathu, mashumi mathathu anesixhenxe ezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo. Ngokunjalo babeneemvumi ezingamakhulu amabini amadoda nababhinqileyo.66. Kananjalo babenamahashe angamakhulu asixhenxe mashumi mathathu nesithandathu; iimeyile ezingamakhulu amabini mashumi mane nesihlanu;67. iinkamela zingamakhulu amane mashumi mathathu nantlanu; iidonki zona zisisithandathu samawaka, amakhulu asixhenxe mashumi mabini.68. Bakufika endlwini kaNdikhoyo eJerusalem ezinye zeenkulu zezindlu zakhupha umnikelo ngokuqhutywa yintliziyo, ukuze kuhlaziywe indlu kaThixo esizeni sayo.69. Banikela ngokwamandla abo kuvimba, bagalela igolide ebunzima buziikhilogram ezimakhulu mahlanu, kunye nesiliva ebunzima buziikhilogram ezimawaka mabini namakhulu asibhozo, kunye nekhulu leminweba yababingeleli.70. Ke kaloku ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, bebonke baya kuma kwiidolophu zakumawabo, ndawonye nabanye abantu. Kananjalo ke nabanye abangamaSirayeli bema ngokweedolophu zakomawabo.Umhobe 86:6-106. Ndikhoyo, wuve umthandazo wam; khawundivele, ndiyakubongoza.7. Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe, kuba wena uyavelana nam.8. Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe, engekho nonemisebenzi enjengeyakho.9. Zonke izizwe owazidalayo ziya kukhahlela kuwe, Nkosi, zibonga zibabaza igama lakho.10. Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa; ewe, nguwe wedwa uThixo.Imizekeliso 21:15-1615. Umntu olungileyo uyavuya xa izinto ziqhutywa ngokusemthethweni, kambe ke abenzi bobubi baya kunkwantya.16. Umntu obhadulayo, emke kwiindlela zengqiqo, uzifumanisa selekwisikhungu sabafileyo.Acts 21:18-4018. Ngengomso sahamba noPawulos, saya kubona uYakobi. Nabo bonke abadala bebandla babekhona.19. Ebabulisile uPawulos, wabanika ingxelo epheleleyo ngezinto zonke uThixo awayezenzile ngaye phakathi kweentlanga.20. Bathi bakuziva, bamdumisa uThixo xa bebonke. Baza bacebisa bathi kuPawulos: “Mfondini, nawe uyazibonela ngokwakho ukuba apha kukho amawaka-waka amaJuda aguqukileyo angamakholwa, kodwa asabambelele *emthethweni kaMosis.21. Evile ke ngawe ukuba wena ufundisa onke amaJuda ahlala kumazwe eentlanga, ukuba awulahle umthetho kaMosis. Futhi kuthiwa wena uthi makangabolùsi abantwana bawo, bangawalandeli namasiko esiJuda.22. Kunjalonje aza kuva ukuba ufikile. Uthi kungenziwa ntoni?23. Phulaphula ke, sikucebise! Apha kukho amadoda amane azibophe ngesifungo.24. Ngoko ke wena zibandakanye nawo, ungene *ekuhlanjululweni, uze uwahlawulele iindleko zawo, abe nako ukuzicheba iintloko zawo. Ngale ndlela ke wonke umntu uya kuqonda ukuba bubuxoki yonke le nto bayivileyo ngawe – ndaweni yaloo nto wena ngokwakho usawugcinile umthetho kaMosis.25. Kodwa zona iintlanga ezingamakholwa sasizibhalele ileta ngokwesigqibo sethu, sibayala ukuba bangakutyi ukutya kwedini, nanyama inegazi, nasilwanyana sikrwitshiweyo, futhi bazikhwebule ekurheletyeni.”26. Ke kaloku uPawulos wahlangana nawo loo madoda, waza ngengomso walenza kunye nawo isiko lokuhlanjululwa. Waza ke waya endlwini kaThixo ukuya kwenza amalungiselelo alo mcimbi, ngokukodwa malunga nomnikelo owawuya kufuneka ekupheleni kwexesha lentlambululo.27. Xa zaziza kuphela iintsuku ezisixhenxe *zentlambululo, amaJuda athile ephondo laseAsiya ambona uPawulos *esendlwini kaThixo. Avusa uqhushululu ebantwini, ambamba uPawulos,28. akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.”29. Babesitsho kuba babekhe bambona kaloku uTrofimo wase-Efese edolophini apho, ekunye noPawulos; ngoku ke babeba uPawulos umzise endlwini kaThixo.30. Yaba ludushe ke kuyo yonke idolophu; basuka indulumbane bonke abantu, bambamba uPawulos, bamqweqwedisela ngaphandle kwendlu kaThixo. Kwangoko bazivala iingcango.31. Babeza kumbulala uPawulos ukuba kwakungafikanga lizwi kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamaRoma, liyixelela ngodushe oluseJerusalem.32. Kwangoko ingqwayi-ngqwayi yesuka kunye namagosa ayo, neqela lamajoni, yasukela apho kolo dushe. Bakuyibona isiza namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos abantu.33. Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?”34. Loo ndimbane yaphendula, abanye bethetha le, abanye bethetha leya. Kwakuphithizela kangangokuba ingqwayi-ngqwayi ayizange ikuqonde ncam okwakwenzekile, yaza ke yayalela ukuba uPawulos asiwe enqabeni yamajoni.35. Baya kufika naye ezitepsini, kwanyanzeleka ukuba amthwale apho amajoni, ngenxa yesiphithi-phithi sabantu.36. Bonke babemlandela bekhwaza besithi: “Bulala!”37. Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?” Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike?38. Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?”39. Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.”40. Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi: Xhosa Bible 1996 © Bible Society of South Africa 1996