Ibhayibhile ngonyaka omnye EyeThupha 10Yobhi 11:1-201. Ke uZofare waseNama waphendula wathi:2. “Uthi kungathi cwaka, ingaphendulwa le nyambalala yamazwi akho? Ucinga ukuba ukulavuza okunje kungamthethelela umntu?3. Uthi oku kubhobhoza kwakho kuya kusenza sithi cwaka? Uthi wena ngoku uphoxisa thina masikuyeke singakuphoxi?4. Andithi na kaloku wena uthi imfundiso yakho imsulwa, nawe ngokwakho awunabala phambi koThixo?5. Awu, akwaba uThixo ebengadandulukayo athethe nawe,6. akhe akubonise iingontsi-ngontsi zobulumko! Kuba kambe kunzulu ukwazi kwakhe! Yiqonde into yokuba esi sohlwayo akunike sona uThixo siyalaba-laba kubutyala bakho.7. “Uthi ungahle uziqonde iingontsi-ngontsi zobunzulu bukaThixo, ngokunjalo nobungakanani bamandla kaSomandla?8. Hayi bo, úngaphaya kwakho, namazulu uwakrobele! Ewe, yena ubona nelabafileyo, ube ke wena awazi nto!9. UThixo ulivelele ihlabathi, kanti ke ulukrobele nolwandle!10. Ukuba ke usuka akubambe edlula, aze akuse ematyaleni, ngubani ongamnqandayo?11. Kaloku yena uyabazi oongantweni; ke, xa ebona ububi ùthi makangenzi nto?12. Ke zona iziyatha zoza zibe nengqondo mhla iqwarha lazala umntu!13. “Ukuba uthe wayisebenzisa ingqondo yakho, unganako ukolulela izandla kuThixo.14. Ukuba uphethe ububi yahlukana nabo, nezinto zenkohlakalo mazingafumaneki nasemzini wakho.15. Ukuba unokwenjenjalo ke unganako ukuma ungenaxhala nganto, ume ngxishi ungenadyudyu.16. Ngako ke ungatsho uyilibale yonke le mbandezelo; ewe, ilibaleke njengeempuphuma zomlambo oseluwuthile.17. Ke bona ubomi bakho buya kutsho buqaqambe ngathi kusemin' emaqanda. Le meko yakho yokubandezeleka ijike ibe yeginyis' amathe, oku komsobomvu.18. Uya kutsho uzithembe, kuba kaloku nekamva liqaqambile. Ngenene uya kuhlala ukhuselekile ungenaxhala.19. Uya kuthi zava ungenadyudyu, bathi nabaninzi bacele uncedo kuwe.20. Ke zona izikhohlakali ziya kucinywa amehlo, abe ke namathuba okuphuncula engasekho, kuphela kwanto iseleyo kukuqhawuka.”Yobhi 12:1-251. Ke uYobi waphendula wathi:2. “Inene, ningabona bantu; ibe ke nobulumko buya kufa nani!3. Kambe ke nam ndinengqondo njengani; anindidluli nganto. Kakade ke nithi ngubani ongàzaziyo ezi zinto?4. “Mna ndiyakhala kuThixo, aze andiphendule; kodwa ngoku sendiyintlekisa nakwizihlobo zam – ewe, ilungisa lomfo ongenabala, kambe ke namhlanje ndisisigculelo!5. Oseshweni uyadelwa ngabathe zava; ogxadazelayo uyakhatywa!6. Kukho ulonwabo ezindlwini zezikrelemnqa; abamqumbisayo uThixo bakhuselekile; nditsho abo bacingayo ukuba uThixo usezandleni zabo.7. “Kodwa ke khanibuze nakwiinyamakazi, ziya kunifundisa; nibuze nasezintakeni, zinixelele.8. Khaningqawe ulwazi nakwizilo zomhlaba, ziya kuninika; ninkinkqe ukuqonda nasezintlanzini elwandle, ziya kuniphokozela.9. Phakathi kwazo akukho ungaqondiyo ukuba le nto yenziwe *nguNdikhoyo.10. Kaloku zonke izinto eziphilayo zisesandleni sakhe, nobomi boluntu lonke buxhomekeke kuye.11. Kaloku kwanjengokuba umlomo usiva ubunjani bokutya, nendlebe ke iyawaphicotha amazwi.12. Ubulumko buyafumaneka kwiingwevu; ke bona ubudala buza namava.13. “Kanti ke yena uThixo unobulumko namandla, amacebo nengqiqo.14. Into ayiqhaqhileyo akukho mntu unokubuya ayakhe; ngokunjalo nomntu amvaleleyo akukho ungamvulelayo.15. UThixo akuwavalela amanzi kuyabalela; kanti ke akuwavulela kutsho kube ziimpuphuma.16. Ukomelela noloyiso lolwakhe, kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.17. Yena amaphakathi uwatsho ancitheke, nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.18. Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani, aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.19. Ababingeleli ubatsho baphoxeke, aze wona amakhwahla awakhiqe.20. Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle; aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu.21. Amatshawe uwahlaza ngendelelo; ke zona iingwanyalala uzihlutha izixhobo.22. Utyhila izinto ezifihlakele ezinzulwini zobumnyama, nobona bumbonde-mbonde abujike bube kukukhanya.23. Uyazikhulisa izizwe, abuye azivuthulule; azithi jize ngobungangalala, abuye aziyekele zithinjwe.24. Iinkokheli zezizwe uzitsho zibe zizithwanga-thwanga, zifathule zibhadula enkangala.25. Ngoko ke ziphutha-phutha ebumnyameni, kungekho kukhanya; zigxadazele njengamanxila.Umhobe 94:1-111. *Ndikhoyo, Thixo ongumgwebi, wena Thixo ophindezelayo, zibonakalise.2. Lamla, wena mgwebi woluntu; babuyekeze kwangezitya zabo abantw' abazingcayo!3. Koda kube nini na, Ndikhoyo, koda kube nini kakade esivuyelela amatshijolo?4. Koda kube nini eqhayisa; koda kube nini ezidla ngokungcola kwawo?5. Ayababulala abantu bakho, Ndikhoyo; ayawucinezela umzi wakho amatshijolo.6. abandezele abahlolokazi neenkedama, abulale nabantu basemzini.7. Ade athi: “Akaboni nto uNdikhoyo; akaqondi konke uThixo kaYakobi.”8. Lumkani, bantundini bazizidenge! Noda niqiqe nini, zityhifilindini?9. Nithini? Nithi uThixo owadala iindlebe akeva? Nithi lo wenza amehlo enu akaboni?10. Lo ulawula zonk' iintlanga nithi akanakuzohlwaya? Lo ufundise abantu nithi akazi nto?11. Ulogocagoca iingcinga zabantu, uyazi ukuba zibubuvuvu nje bodwa.Imizekeliso 22:24-2524. Musa ukuhlobana nomntu onephuku; sukuhambisana nonkom' iyahlaba.25. Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka, nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe.Roma 10:1-211. Mawethu, ndilangazelela ngayo yonke intliziyo yam ukuba amaSirayeli, abantu bakowethu, asindiswe, ndaye ndihlala ndimbongoza uThixo ngenxa yawo.2. Ndingawangqinela ukuba anenzondelelo ngezinto zikaThixo, kodwa engenalo ulwazi olululo.3. Akayazanga indlela uThixo abalungisa ngayo abantu, aza afuna ukuba ngamalungisa ngeyawo indlela. Ngokwenjenjalo ke akayithobelanga indlela uThixo abenza ngayo amalungisa abantu.4. Kaloku umthetho ufikelele esiphelweni ngoKrestu, khon' ukuze wonke umntu abe lilungisa kuba ekholwa.5. Malunga nokuba lilungisa phambi koThixo ngokuthobela umthetho, uMosis ubhale esithi: “Umntu owugcinayo umthetho, wophila ngawo.”6. Kodwa malunga nokwenziwa ilungisa ngokholo kuthiwa: “Musa ukuthi entliziyweni yakho: Ngubani na oya kunyuka aye ezulwini?” (oko kukuthi ahlise uKrestu).7. “Okanye musa ukuthi: Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni?” (oko kukuthi ukuya kunyusa uKrestu kwabafileyo).8. Ngaba ke kukuthini oko? Kukuthi: “Ilizwi likaThixo likufuphi kuwe, lisemlonyeni wakho nasentliziyweni yakho.” Ilizwi lokholo esilivakalisayo nali:9. Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.10. Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.11. IziBhalo kaloku zithi: “Lowo ukholwayo kuye akayi kudaniswa.”12. Ke ngoko akukho mahluko phakathi komJuda nowolunye uhlanga, kuba le Nkosi inye ikwayinkosi yabo bonke. Kaloku ibasikelela ngesisa ngendyebo yayo bonke abo bazibika kuyo,13. kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”14. Bangazibika njani kulowo bangàkholwayo kuye; bengakholwa njani bengevanga? Bangeva njani kungekho mntu ushumayelayo;15. bengashumayela njani bengathunywanga? Kaloku iziBhalo zithi: “Ngumbono omhle ukubukela izigidimi zisihla zinyuka zihambisa iindaba ezimnandi!”16. Kodwa asingabo bonke abazamkeleyo iindaba ezimnandi, njengoko atshoyo noIsaya ukuthi: “Nkosi, ngubani na othe wakholwa ludaba lwethu?”17. Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.18. Ngaba awevanga na kodwa amaSirayeli? Ewe, avile. Kaloku iziBhalo zithi: “Ukuhlokoma kwelizwi labo kuvakala kuwo wonke umhlaba; namazwi abo afikelela eziphelweni zehlabathi.”19. Ngaba kodwa wona amaSirayeli ayengaqondi? Ukuphendula mandiqale ngoMosis othi: “Mna ndiya kunenza nikhweletele uhlanga olungento; ndiya kunixhokonxa ngohlanga olungenangqondo.”20. Ade atsho nokutsho uIsaya ukuthi: “Ndifunyenwe ngâbo babengandifuni, ndabonakala kwâbo babengabuzisi ngam.”21. Kanti ngokubhekiselele kumaSirayeli uthi: “Imini yonke bendicengana nabantu abangevayo, abandiphikisayo.” Xhosa Bible 1996 © Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved