Ibhayibhile ngonyaka omnye EyoMsintsi 9Isaya 9:1-211. Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga.2. Abantu ababemfamza ebumnyameni ngoku bakufumene ukukhanya; kwabo babehamba ebumnyameni kubo uthe qheke umsobomvu.3. Wena usandisile isizwe sakho, usuke waluthi chatha uvuyo lwaso. Ngoko ke siyachulumacha ngenxa yakho, de ngathi sinemihlali ngexa lokuvuna, sengathi sigcotyiswe kukuxhaphaz' amaxhoba.4. Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso, ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni. Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli. Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan.5. Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo, nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi, ziya kutshatyalaliswa ngomlilo.6. Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana; kaloku thina silizwe ngonyana. Nguye ke oya kulawula. Ke yena wothiywa igama kuthiwe nguMcebisi omangalisayo, uThixo oligorha, uSonini-nanini, iTshawe loxolo.7. Yena uya kuba yingangalala, into embuso uluxolo olungaphele ndawo. Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide, umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi, uxhathise ngomthetho nangobulungisa, ukusukela ngoku kude kube nini-nini. *UNdikhoyo onekhwele, nditsho uSomandla-onke, nguye oya kuyenza loo nto!8. INkosi ithumele udaba kuSirayeli; ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.9. Bonke ke abantu baya kuluqonda, uEfrayim nabemi baseSamariya, abo baqholosa ngendelelo, besithi:10. “Naxa nje zidilikile izindlu zezitena, thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe; ngenene yona imithombe igawulwe, kodwa thina sotyala imisedare.”11. *UNdikhoyo ubayekele ngeentshaba, nditsho iintshaba zeentshaba zabo; ewe, usuke wabaxhokonxela iintshaba.12. Ngama-Aram ngasempumalanga, ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga; xa zizonke zigragramela uSirayeli. Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile; nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!13. Kodwa suka abantu abazisola; hayi, ababuyelanga kumohlwayi, abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.14. Ngoko ke uNdikhoyo wosuka amohlwaye uSirayeli: uya kumnquml' intloko, amgumpul' umsila; uya kuncothul' isundu, asiphul' ingcongolo.15. Intloko ke ngabadala nezihandiba; wona umsila ngabashumayeli bobuxoki.16. Kaloku aba bantu bayalahlekiswa; ewe, bona bayaphuphuthekiswa.17. UNdikhoyo ke akasabakhathalele nabafana, akayi kuthi thiki nangabahlolokazi neenkedama, kuba bonke zintw' ezingento, bakhohlakele, imilomo yabo iphuphum' ububi. Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile; nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!18. Kaloku inkohlakalo yabantu ivutha njengomlilo; ileny' inkunzane ngokunjalo nobobo, idangazel' okomlilo wehlathi, ithunquza okwentshinyela yomsi.19. Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onke eli lizwe liza kuvutha, umlilo udangazeliswe ngabantu, kungabikho nonak' umntakwabo.20. Bonqwamza ngapha, bangahluthi noko; banqunqude ngapho, banganeli noko; ewe, boda batye noogxa babo.21. UManase noEfrayim bosuka bahlaselane, kananjalo bosuka badibane ngoJuda. Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile; nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!Isaya 10:1-341. Yeha ke, nina niqulunqa imithetho yobutshijolo, nina baqingqa imithetho yokucinezela abantu,2. ukuze amahlwempu angafumani malungelo, nokuze abacinezelwa bona bangalungiselelwa. Nisuka nibaxhaphaze abahlolokazi, iinkedama zona zibe ngamaxhoba enu.3. Yaz'ba nothini na mhla yajika imeko, mhla kwathi gqi isithwakumbe kwelikude! Ngaba ke nobalekela kubani, bethu? Ubutyebi bona ke nobufihla phi?4. Ewe, koba kungasekho ndlela-mbini ngaphandle kokuzinyakathisa phakathi kwabathinjwa, okanye nirhuqwe ndawonye nabaginwa. Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile; nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!5. *UNdikhoyo uthe: “Hayi ke, yena uAsiriya! Uyinduku endohlwaya ngayo.6. Ndibathumela ngaye abangakhathalele Thixo; ndibabetha ngaye abandicaphukisayo, ukuze abathimbe, axhaphaze amaxhoba, abaxovule njengodaka endleleni.7. Kambe ke yena uAsiriya akakhw' apho; kuthe kanti yena unanjongo yimbi. Suka yena wazimisela ukutshabalalisa; izizwe yena ufun' ukuzicim' igama.8. Kaloku uAsiriya uyaqhayisa, uthi: ‘Iingqwayi-ngqwayi zam zikwangookumkani!9. OoKaleno nooKarkemishe bona ndabageqa; iiHamati neeArpadi ndazisukelisa; kooSamariya nooDamasko ndathi ginyi-qobo!10. Izikumkani ezinqula imifanekiso ndazoyisa – mifanekiso leyo yayiyinyambalala, ingaphezu kweyeJerusalem neSamariya.11. Ndayitshabalalisa iSamariya, ndenjenjalo nakwimifanekiso yayo. Ndisaya kwenjenjalo ke naseJerusalem kwakunye naloo mifanekiso yayo.’ ”12. Kambe ke yona iNkosi ithi: “Ndakuwufeza umsebenzi wam kwintaba iZiyon eJerusalem, ndiya kubuya ngayo ikumkani yaseAsiriya, ndiyohlwaye. Kaloku iyadelela, futhi xa iqhayisayo13. ithi: “ ‘Lo ngumsebenzi wamandla am! Obu bubunkunkqela nengqiqo yam! Ndiyidedisile imida yezizwe, ndaza ndazenzela kwindyebo yazo; njengengangamsha ndizikhiqile izikumkani.14. Ubutyebi bazo suka bafana namaqand' entaka, ndaza ke mna ndathatha ndathaphulula nje! Njengomntu oxhaphaza amaqanda asisisulu, ndenjenjalo ukuziqokelela izizwe. Ndizenzela nje kungaqhwaqhwazi nephiko eli, kungekho nantaka ekhe yakrotsha!’ ”15. Lingazenza bhetele na izembe kunomgawuli, khona isarha kunomsarhi? Asiyonduku ephakamisa umniniyo; kaloku iba ngumntu oyiphakamisayo.16. Ngoko ke iNkosi uNdikhoyo uSomandla-onke iya kuzifaka isibetho izigantshontsho, ilitshise ngomlilo elo qhayiya lazo.17. UThixo olukhanyiso lukaSirayeli wosuka afike abe ngumlilo, uYedwa kaSirayeli abe lidangaty' elilenyayo, ngamini-nye abhubhise konke nje, nditsho nameva kunye nobobo.18. Loo masimi achumayo naloo mahlathi ashinyeneyo wosuka yena awabhuqe bhuqiyane, oku komkhuhlane usutywa kukufa.19. Kuloo mahlathi kosala imingqandandana nje engábalwa lula nayimveku le.20. Liyeza ixesha apho elo qaqobana lisindileyo lamaSirayeli lingayi kuba saqamela ngalowo ulenza ixhoba. Ngelo xesha amaSirayeli aya kukholosa ngokupheleleyo *ngoNdikhoyo uThixo onguYedwa kaSirayeli.21. Amasalela endlu kaSirayeli aya kubuyela kwigorha elinguThixo wawo.22. Nangona nje ngoku amaSirayeli ebonakala eyinyambalala enjengeenkozo zentlabathi eselunxwemeni lolwandle, kuphela yimbinana nje eya kusinda ibuye. Kaloku phezu kwawo kulenga-lenga intshabalalo – ibe ifanele ke phofu.23. UMhlekazi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke uzimisele ukuwacim' igama ehlabathi ngokomlomo wakhe.24. Ngoko ke itsho iNkosi *uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Hayi nina, lusapho lwam lumi eZiyon, ze ningabi nadyudyu ngama-Asiriya la, noba angade aniphakele ingcinezelo enjengaleya nayifumana kumaJiputa.25. Kaloku kukancinane nje uphele umsindo wam ngakuni, ndandule ke ukuwavuthulula ndiwatshabalalise.26. Mna Ndikhoyo onamandla onke ndiya kuwathwaxa kwangalaa ndlela ndawabetha ngayo amaMidiyan kwiliwa laseOrebhe. Isohlwayo sam kuma-Asiriya yoba kwaseso ndawabetha ngaso namaJiputa.27. Ngaloo mini luya kuxibilika uxanduva olusemagxeni enu, le dyokhwe niyinikwe ngama-Asiriya itsho ivikiveke, kuba kaloku nikhule nada nomelela.”28. Izwe lifile, ziyanqoza eAyi; ewe, nâlo lugqitha ngeMigron, kanti imiphako luyishiye eMikmas.29. Kubi, nantso iqabel' enkalweni, ngobusuku yanqumama eGebha phaya. Abemi baseRama batsho bankwantya, iGibheya yakuloSawule ke yona nantso igil' izicithi isaba!30. Yitsho ngentsholo, wena Galim; ke wena, Layisha, phulaphula; uphendule ke nawe, Anatoti.31. Kaloku abemi baseMadema bayasaba; bona abaseGebhim bayazisindisa.32. Namhlanje nâlo luphuml' eNobhi; ewe, nalo lutyityimbis' umnwe, lukhomba intaba iZiyon eJerusalem.33. UMhlekazi *uNdikhoyo onamandla onke wosuka ke abathi fohlo-fohlo ngathi ucwaba amasebe omthi. Izikhulu ndawonye nezikhakhamela nazo zovikivwa ziwe bhaxa.34. Uya kuzigeca ngezembe uSomandla, abe ngathi utshitshisa ihlathi, loo mihalambela yemithi yaseLebhanon.Umhobe 106:1-51. Mbongen' *uNdikhoyo! Bambani ngazibini kuba ulungile uNdikhoyo. Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.2. Ngubani onokubalisa ngezenzo ezidumileyo zikaNdikhoyo; ingubani onokumbonga ngokufezekileyo?3. Hay' uyolo lwabo bathobela imithetho yakhe; nditheth' abo bahlala besenza okulungileyo.4. Uzundikhumbule, Ndikhoyo, xa ubonelel' abantu bakho; ungandishiyi, Ndikhoyo, xa ubahlangulayo.5. Nam maze ndiyibon' inkqubela yabanyulwa bakho, ndize ndivuye kunye nabantu bakho, ndilixhamle ibhongo neqhayiya labantu bakho.Imizekeliso 25:1-21. Nezi ikwazizafobe zikaSolomon ezaqokelelwa ngamagosa kakumkani uHezekiya wakwaJuda:2. Isihomo sikaThixo siphuhliswa zizinto eziyimfihlakalo; kambe ke sona isidima sokumkani kukuphengulula imicimbi.2 Korinte 1:1-241. Kubhala mna Pawulos – *endingumthunywa kaKrestu Yesu, ngokuthanda kukaThixo – kunye noTimoti uwethu. Sibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, nemilowo yakhe yonke kwelaseAkaya, sisithi:2. Wanga uThixo uBawo wethu, kunye neNkosi uYesu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.3. Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo.4. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.5. Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.6. Xa sukuba thina sisiva ubunzima, loo nto ibangela ukuba nikhuthale, nto leyo iphelela elusindisweni. Naxa sukuba thina sithuthuzelwa, siyancedwa ukuze sikwazi ukunithuthuzela, khon' ukuze nizithwale ngomonde iimbandezelo ezifana nezethu.7. Ithemba lethu ngani aligungqi, kuba siyazi ukuba njengoko nidlelana nathi nje ngeembandezelo, nikwadlelana nathi nangothuthuzelo esilufumana kuThixo.8. Mawethu, sifuna niziqonde into eziyiyo iinzima esazifumana kwiphondo laseAsiya. Sasithwele ubunzima apho, sada saphants' ukulilahla ithemba lokuphila.9. Sasesilibona lijinga phezu kwethu ithunzi lokufa. Loo nto yasifundisa ukuthembela kuThixo ovusa abafileyo, singazithembi thina.10. Wasikhulula kwezo ngxingongo zokufa, yaye usasikhulula nangoku. Ewe, aligungqi ithemba lethu lokuba usaza kusikhulula nangomso,11. njengoko nani nisixhasa ngokusithandazela. Ngoko ke ngenxa yobuninzi babantu abasithandazelayo, boba baninzi nabambulelayo uThixo ngenxa yesisa sakhe kuthi.12. Ibhongo lethu linye ngani: lelokuba asinasazela nganto ngokuziphatha kwethu phakathi kwabantu behlabathi, ingakumbi ke phakathi kwenu. Besinyanisekile, singahanahanisi. Besingenamaqhinga, koko besilawulwa sisisa sikaThixo.13. Sinibhalela ezo zinto ninokuzifunda niziqonde. Kwaye ke ngumnqweno wam ukuba ezi zinto niziqonda nganxanye14. nide niziqonde ngokupheleleyo. Kaloku noba nebhongo ngathi kwanjengoko nathi siya kuba nebhongo ngani ngeMini yeNkosi uYesu.15. Kangangokuba ndandiqinisekile ngalo mbandela ndazimisela ukuba ndinityelele, ukuze nina nibe sethamsanqeni lokuba ndinihambele kabini.16. Kaloku ndandizimisele ukuba ndinityelele kabini, xa ndiyayo naxa ndibuyayo eMakedoni, nize ke nina nindisize kuhambo lwam oluya kwelakwaJuda.17. Ngaba ke ndafana ndasijika nje esi sicwangciso? Ngaba xa ndicwangcisayo ndenza nje ngokuzithandela, ndilungele ukuthi ewe okanye hayi ngokuthanda kwam?18. Njengokuba uThixo enyanisekile, umlomo wam kuni wawungenguye uewe nohayi ombaxa.19. UNyana kaThixo, uYesu Krestu lo washunyayelwa kuni nguSilas noTimoti nam, akathi ewe-hayi, hayi-ewe, ngaxesha-nye. Endaweni yaloo nto unguewe kaThixo.20. Unguewe kaThixo kuzo zonke izithembiso zakhe. Yiyo ke loo nto simdumisa uThixo sisithi “*Amen” ngaye uYesu Krestu.21. NguThixo osizimasileyo thina nani ngokusimanya noKrestu. Ewe, nguThixo ngokwakhe osiphawuleyo wasithambisa ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi osisiqinisekiso sezinto ezizayo.22. ***23. UThixo uyandingqinela ukuba isizathu sokuba ndingezi eKorinte yayikukwazelelela nina.24. Andifuni ukunintlokothisa elukholweni. Ndiyasebenzisana nani ukuze nonwabe, lube ke phofu nokholo lwenu aluhexi. Xhosa Bible 1996 © Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved