Uhlobo lweBhayibhile Thelekisa

1
Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kowabo.
2
Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. uYesu, elubona ukholo lwabo, wathi konedumbe; Nyana, yomelela; zixolelwe izono zakho.
3
Kwabonakala kukho abathile bakubachazi-mthetho phakathi kwabo, besithi, Lo uyanyelisa;
Xhosa Bible 2024
City Bible Foundation in cooperation with Baasraak Bible Translation from Baasraak Media 2022
1
UYesu wakhwela esikhitshaneni, wawela uLwandle lwaseGalili, waya edolophini yakowabo.
2
Kwaza kwafika abantu bezise kuye ngokhuko indoda efe umzimba. UYesu elubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Yomelela, nyana! Izono zakho zixolelwe.”
3
Baza abathile kubachazi-mthetho bathetha bodwa besithi: “Lo mfo unyelisa uThixo!”
Xhosa Bible 1996
Bible Society of South Africa 1996
1
Engenile ke emkhombeni, wawela, Weza kufika emzini wakowabo.
2
Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni.UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho.
3
Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa.
Xhosa Bible 1975
Bible Society of South Africa 1975
1
Waza wangena enqanaweni, wawela, weza kwesake isixeko.
2
Kekaloku bona ke, bazisa kuye umntu onesifo sokushwabanisa elele eluku̔kweni: waza u‐Yesu wabona ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Yomelela, nyanandini! uxolelwe izono zako.
3
Kekaloku bona ke, ababa̔li abatile bati ngapakati kwabo: Lo uyagxeka u‐Tixo.
Xhosa Bible 1902
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902